ICape Town City ziintshatsheli ezintsha zeMTN 8

Benni McCarthy, Head Coach of Cape Town City talks to the media during the Cape Town City FC MTN 8 Media Open Day at Hartleyvale Stadium, Cape Town on 23 August 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Iqela likaBenni
McCarthy, iCape Town City,
libhale iincwadi zembali yebhola ekhatywayo ngokutsha namhlanje emva kokuphumelela
indebe yeMTN 8 okokuqala. ICity ibethe iSuperSport United ngo’4-1 kumapenela
kumdlalo obumhle – kodwa unzima kakhulu eMoses Mabhida Stadium kubusuku
banamhlanje. Abalandeli bebhola abangaphaya kwamashumi amathathu amawaka
bahambe bonelisekile ngumgangatho womdlalo nakubeni bekunqabe amagowuli kuwo.
Iqhawe leCity ibe ngunozinti kwakhona uPeter Leeuwenburgh ovale amapenela
amabini. Impumelelo yeCity inika uBenni McCarthy indebe yakhe yokuqala
njengomqeqeshi osemtsha. Amakhwenkwe kaBenni bekufanele awusonge kwangoko
umdlalo ngoba ibingawo anamandla emdlalweno namathuba acacileyo.

Ibiyimvula yamathuba
evele kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa akubangakho nelinye iqela elikwazileyo
ukubhalisa ebhodini kwade kwayiwa kwixesha lokuphumla. Amatsatsantsa a Pitori ankqonkqoze
kuqala – kodwa akakwazanga ukulisebenzisa ithuba lawo emva kokuba kuwiswe
uFagrie Lakay ngaphandle komhlaba kanozinti. ULakay uphose ithuba ekufutshane
nonozinti emva kokufumana ibhola entle ku-Evans Rusike obeyingxaki kubadlali
beCity. Iqela
likaBenni McCarthy lizixhwithele nalo, uThamsanqa Mkhize uhlasele – kodwa wathintelwa
nguClayton Daniels – isikhonkwane esithembekileyo seSuperSport United emva. ICity
ngeyihambe phambini kumzuzu wamashumi amathathu ukuba uSiphelele Mthembu ebengayibhutyuzanga
ibhola phambi kukanozinti emva kwebhola ebethe ipali ebikhatywe nguThabo
Nodada. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uRasuke uphantse wayonzakalisa
iCity – kodwa abadlali bayo basemva bamphazamisile.

Ngaphandle kokuphoswa
kwamathuba, amaqela omabini aqhubele phambili nokudlala umdlalo omhle futhi
osemgangathweni ophezulu. Kwimizuzu emithathu kwisigaba sesibini, uCraig Martin
ungqube ibhola ngentloko kamnandi abisuka kuGift Links kwicala lasekunxele –
kodwa ngelishwa lakhe iphume ngaphezulu kweepali. Emva kweshumi lemizuzu,
uRusike wenze into efanayo nayo. UBenni wenze utshintsho lakhe lokuqala
ngokufaka uRyaad Norodein endaweni kaCraig Martin. Ibe nelishwa
elingummangaliso iCity emva kokuba ibhola kaGift Links ibethe epalini kumzuzu
wamashumi asibhozo anesine. Oku kwenzeke emva koxinizelelo olubekwe yiCity
kwiSuperSport, abadlali bayo bebesemva phantse bonke.

ICape Town
City
yiyo ebinamathuba acacileyo
kwisigaba sesibini – kodwa ayikwazanga ukubhakuzelisa umnatha. Njengoko
bekulindelekile, iSuperSport ixhathise kwakuko ngabadlali abafana
noLetsholonyane noFurman esiswini, logama ibixhokonkxa ngoJames Keen noLakay
bencediswa nguRusike oye wonzakala. Kwicala layo iCity bekucacile abadlali bayo
bazijulile. UMartin, uLinks noNodada bazamile ukuyiqhekeza – kodwa iSuperSport
ibivale mba emva. Iphelile imizuzu engamashumi alithoba kungekho gowuli
ebhodini. Kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo, nalo
liye laphela kungekho elivumileyo ukugoba iphondo.

SuperSport United: Ronwen Williams, Grant Kekana, Bongani
Khumalo, Clayton Daniels, Aubrey Modiba, Evans Rusike, Teboho Mokoena, Dean
Furman (c), Reneilwe Letsholonyane, Fagrie Lakay, James Keen.

Amalalela:  Boalefa
Pule, Bradley Grobler, Thuso Phala, Onismor Bhasera, Ghampani Lungu, Phumlani
Ntshangase, Morgan Gould.

Cape Town City: Peter Leeuwenburgh, Thamsanqa Mkhize, Kwanda
Mngonyama, Kodadja Kooassi, Edmilson Dove, Craig Martin, Thabo Nodada, Roland
Putsche, Gift Links, Siphelele Mthembu, Ayanda Patosi.

Amalalela: Sage Stephens, Ebrahim Seedat, Teko Modise,
Matthew Rusike, Keanu Cupico, Ryaad Norodein, Mpho Matsi.