Iceba ukuguqula imithetho iFifa ngenxa yeKhorona

Oko kwathi kwafika intsholongwane ethe yahlasela abantu ehlabathini ngendlela esisimanga, izinto ezininzi ziye zamiswa.

Imidlalo yonke iye yamiswa kwiiveki ezidlulileyo emva kokubonakala kwenani eliphezulu labantu abosulelekileyo. Iqhokreke ngakumbi ke ibhola ekhatywayo emazweni amaninzi ngoba imidlalo yale sizini, ngokohlukana kwamazwe, ibisiya ekupheleni.

Eyona nto ebangele ibhola ekhatywayo ithi nqumama kukuba idlalwa ngabantu abaninzi futhi iqokelela abantu abaninzi ndawonye – into eyenza kubelula ukosulelana.

Apha eMzantsi kuye kwanyanzeleka iNSL iyinqumamise yonke imidlalo ye-Absa Premiership, iGladAfrica Championship neMultiChoice Diski Challenge emva komyalelo weSafa owathi yonke imidlalo mayimiswe kude kube ngumhla wesine kule nyanga.

Iindaba eziphuma eZurich, kwandlunkulu weFifa, zithi umbutho olawula ibhola ekhatywayo uza kuba nentlanganiso ekuza kushukuxwa umba wezivumelwano zengqesho zabadlali njengokuba ihlabathi lisavikivwa yikhorona esele iqwenge imiphefumlo yabantu abasukela amashumi amane amawaka (40 000) ehlabathini lonke.

Omnye woomanejala babadlali abaziwayo apha eMzantsi Afrika, uMike Makaab, uwuqhwabele izandla umbono weFifa nangona singekathathwa isigqibo ngawo.

“Sisiphakamiso esiphilileyo kakhulu kwaye kufanele siqhwatyelwe izandla. Khawufane ucinge ingxaki engakhona xa kunokuthiwa imidlalo yesizini ayigqitywa. Kungamoshakala izinto ezininzi ngoba bona abaxhasi neenkampani zikamabonakude zifuna imidlalo igqitywe. Abadlali kufuneka baqonde okokuba into eyenzekayo ayichaphazeli bona bodwa. Baninzi abantu abachaphazelekayo. Yiyo lo nto kunyanzelekile okokuba wonke umntu abe nendima ayenzayo ekulweni negongqongqo lentsholongwane yekhorona,” utshilo uMakaab ethetha neSolezwe langeSonto.

Abadlali abaninzi kulindeleke bavuselele okanye bafumane amaqela amatsha kwinyanga yeSilimela xa kuphelelwa izivumelwano zengqesho zabo. Ngokwengxelo ekhutshwe yiReuters, izikhulu zeFifa ziza kuthatha isigqibo ngomso malunga neyona nkqubo echanekileyo eza kulandelwa njengoba isizini kwihlabathi lonke zimiswe yikhorona.

Ukuba kunokuthiwa abadlali mabagcinwe ngamaqela abawadlalelayo ngoku, amaqela afana neKaizer Chiefs ekulindeleke iphulukane nabadlali abaninzi, angavuya kakhulu ngoba angakwazi ukugcina abadlali.