‘Icebo kukuthenga abadlali’ – Tyekani

Umlandeli omkhulu weKaizer Chiefs kwelona sebe labalandeli lokuqala eMpuma Koloni uncokole nathi ngohambo lwakhe njengomlandeli. Le ndedeba isibalisela ngomahluko phakathi komntu osesebeni nalowo uyilandela nje ibhola.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, ungubani?

Umlandeli: Ndiyabulela. Igama lam ndinguMan-B Tyekani. Ndihlala kwindawo ekuthiwa yiBraelyn.

PM: Wadibana njani neKaizer Chiefs, Mhlekazi?

Man-B Tyekani: Yoh, ndaqala kudala. Ngelo xesha kwakukho oobhuti bam ababini ndisahlala eNgqeleni, ababeyithanda kakhulu iChiefs. Ndayithanda nam iChiefs ngenxa yabo. Ndathi ndakufika apha eMonti ndangena kwi-East London Kaizer Chiefs Supporters Branch – ndafika ndangumququzeleli wayo.

PM: Wohluke ngantoni kumlandeli ongekho sesebeni Khosi elikhulu?

MT: Kumnandi ukuba ngaphakathi kwiChiefs ngoba unikwa ulwazi ngeenkqubo zeqela lakho. Sishumayela imbeko ebantwini ukuze baziphathe kakuhle xa besebaleni. Thina sifundisa abantu ngokuba iqela liyaxhaswa ngamaxesha onke – liphumelela okanye lingaphumelelanga.

PM: Ucinga ukuba abethakala phi Amakhosi?

MT: Yeyi! Izinto azisihambeli kakuhle thina tu! Sisengxakini – kodwa ndicinga ukuba kukho imfuneko yokuba sithenge abadlali. Naye umqeqeshi kufuneka anike abadlali amathuba oneleyo wokudlala enze utshintsho ngexesha elifanelekileyo.

PM: Kutheni abalandeli bengayi nje emabaleni?

MT: Kunzima kuthi balandeli; sisuka kude siye emidlalweni sibe sisazi ukuba iqela lethu alidlali kakuhle. Kunzima nyhani ukuyobukela iqela elibethwayo.