Umlandeli omkhulu weKaizer Chiefs kwelona sebe labalandeli lokuqala eMpuma Koloni uncokole nathi ngohambo lwakhe njengomlandeli. Le ndedeba isibalisela ngomahluko phakathi komntu osesebeni nalowo uyilandela nje ibhola.
Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Ngokufutshane, ungubani?
Umlandeli: Ndiyabulela. Igama lam ndinguMan-B Tyekani. Ndihlala kwindawo ekuthiwa yiBraelyn.
PM: Wadibana njani neKaizer Chiefs, Mhlekazi?
Man-B Tyekani: Yoh, ndaqala kudala. Ngelo xesha kwakukho oobhuti bam ababini ndisahlala eNgqeleni, ababeyithanda kakhulu iChiefs. Ndayithanda nam iChiefs ngenxa yabo. Ndathi ndakufika apha eMonti ndangena kwi-East London Kaizer Chiefs Supporters Branch – ndafika ndangumququzeleli wayo.
PM: Wohluke ngantoni kumlandeli ongekho sesebeni Khosi elikhulu?
MT: Kumnandi ukuba ngaphakathi kwiChiefs ngoba unikwa ulwazi ngeenkqubo zeqela lakho. Sishumayela imbeko ebantwini ukuze baziphathe kakuhle xa besebaleni. Thina sifundisa abantu ngokuba iqela liyaxhaswa ngamaxesha onke – liphumelela okanye lingaphumelelanga.
PM: Ucinga ukuba abethakala phi Amakhosi?
MT: Yeyi! Izinto azisihambeli kakuhle thina tu! Sisengxakini – kodwa ndicinga ukuba kukho imfuneko yokuba sithenge abadlali. Naye umqeqeshi kufuneka anike abadlali amathuba oneleyo wokudlala enze utshintsho ngexesha elifanelekileyo.
PM: Kutheni abalandeli bengayi nje emabaleni?
MT: Kunzima kuthi balandeli; sisuka kude siye emidlalweni sibe sisazi ukuba iqela lethu alidlali kakuhle. Kunzima nyhani ukuyobukela iqela elibethwayo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike