Imbaleki yakuCofimvaba, uSimthembile Mabhadi(17), ephume kwindawo yokuqala kwimidyarho yezikolo kumgama oliwaka elinamakhulu amahlanu (1500 M), kwinqanaba likazwelonke eGermiston, kwiveki ephelileyo, ithi icela inkxaso kuluntu.
USimthembile uthi nangona eyivuyela impumelelo yakhe, kodwa angavuya kakhulu ukuba angafumana ithuba lokufunda kwizikolo zemidlalo kwakhona. Lo mfundi webanga lethoba kwisikolo samabanga aphakamileyo iCala High, uthi nangona izikolo zikhona ezilalini, kodwa aziyilandeli ngokugqibeleleyo imidlalo.
Babe bona abadlali belibona ikamva labo ukuba lilele emabaleni benzinyelwa ngamagama. Le ntshatsheli iqhube yathi, yakha yalifumana ithuba lokufunda kwisikolo semidlalo eBhayi ngo-2011.
USimthembile uthe, “ndaba nelishwa lokukhutshwa sele ndingenile kwesinye isikolo eBhayi sele ndigqibe iminyaka emibini. Kwathiwa kuyaphungulwa sibaninzi, ndaba kweli qela liphungulwayo ndaphindela ezilalini, kodwa ndazixelela ukuba andizukuncama.
Nangoku ndiyintshatsheli ndiziqeqeshele kumagqagala aseCala nakuCofimvaba ndashiya nabadlali abafunda kwezi zikolo, kuyacaca ndingenza nangaphezulu xa ndinokuxhonkxwa kuzo.”Le mbaleki ithi, yayisele iqhelana nemigaqo neendlela ezenza ngayo iimbaleki zodidi oluphezulu ngoku ilali zimbuyisele umva.
Ngoku iphupha lakhe kukufumana elinye ithuba lokuba afunde kwisikolo semidlalo nokuba kukweliphi iphondo. Ngoku uSimthembile usajonge izifundo zakhe njengoko kulungiselelwa iimviwo zikaJuni.
UMabhadi ucebise ulutsha ukuba lizibuze ukuba lifuna ntoni na ebomini, kwaye lijonge nenxaxheba olungayidlala ukuze lifumane lo nto liyifunayo.
Ubulela umqeqeshi wakhe owayeyititshala yakhe eGongqo J.S.S kuCofimvaba, uMnumzana Jamjam, ngenkxaso amnika yona.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike