Icel’uxolo iWSU ebethwa oko eBuffalo City Stadium

Iya iqheleka into yokuphuma kwabalandeli bedanile eBuffalo City Stadium xa kudlala iWalter Sisulu University All Blacks.

Ekuqaleni kwale veki, iWSU All Blacks ibethwe yiKwaZulu-Natal University ngo’28-17 emdlalweni weVarsity Shield.

Amanqaku alishumi elinesithathu aqinisekise impumelelo yeqela laKwaZulu-Natal afakwe nguDylan Coombe.

Ibikokokuqala ezimbalini iUKZN Impi ibetha iWSU All Blacks kwitumente yombhoxo ekuthiwa yiVarsity Shield edlalwa ngamaqela aphuma kumaziko emfundo ephakamileyo aseMzantsi Afrika.

Umqeqeshi weqela laseKZN, uDonaldo Ngwenya, uthi kulinika ithemba lokuzuza impumelelo iqela lakhe kwiVarsity Shield.

“Liqela elinobuzaza kakhulu iWSU All Blacks. Ndiyayihlonipha kodwa ukubethwa kwayo kwimidlalo emibini edlulileyo eliyidlalele enkundleni yayo, kusenze sanethemba lokuzuza impumelelo nathi,” utshilo uNgwenya.

Umqeqeshi uwaqhwabele izandla amakhwenkwe akhe athe ayilwela impumelelo.

“Nangona zingayihambeli kakuhle izinto iWSU All Blacks kule nkundla kodwa ibonakalisile ukuba iliqela elinobungozi. Ndiwaqhwabela izandla amakhwenkwe am ayilwele impumelelo yanamhlanje [ngoMvulo],” utshilo uNgwenya.

UNgwenya ukholelwa kwelokuba impumelelo iza kulinceda iqela lakhe kwimidlalo ezayo.

“Yimpumelelo yesithathu le kwimidlalo emine esiyidlalileyo. Ezi ziphumo ziza kusinceda xa sidlalela kwinkundla yethu umdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi,” utshilo uNgwenya.

Iphumelele imidlalo emibini qha iWSU All Blacks kwimidlalo emihlanu.

Isekela-mqeqeshi kwiWSU, uAkhona Mgijima, uvumile ukuba ngokwenene kubuhlungu ukubethwa kweqela lakhe phambi kwabalandeli balo, kodwa wathi ithemba lisekhona.

“Mandiyithethe inyaniso, kubuhlungu ukubethwa phambi kwenkitha yabalandeli bakho. Sibethwe kwimidlalo esekhaya, yonke esiyidlale ngaphandle siyiphumelele. Sizimisele ukuyiphumelela yonke imidlalo esiza kuyidlalela ngaphandle. Ndikucelela uxolo ukungakwazi kwethu ukubachwayitisa,” utshilo uMgijima.