ICharles Morgan iza kumela iMpuma Koloni

ICharles Morgan sisikolo saseGinsburg, eQonce, esiza kumela iMpuma Koloni kwimidlalo yeDanone Nations Cup kwimidlalo kazwelonke.

Umqeqeshi weCharles Morgan Public School, uMnu. Vuyo Mzimeli, uzingomba isifuba ngomsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe.

Esi sikolo selokishi yaseGinsberg, eQonce, siza kumela iphondo leMpuma Koloni emva kokuba sitshatshele kwiDanone Nations Cup ebibanjelwe eLaerskool Kuswag – eMonti.

ICharles Morgan iphumelele ngegowuli elinye ebethe ngalo iFort Malan Senior Primary School kumdlalo wamagqibela kankqoyi obumhle ngendlela emangalisayo.

Izikolo zephondo ezithathe inxaxheba ziquka iNgxaza Junior Secondary School, Empumelelweni Senior Primary School, iPatekile Junior Secondary School, iGcinubuzwe Primary School neNomandi Junior Secondary School.

Zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiDanone Nations Cup bezisilwela ukuya kwimidlalo yamazwe ngamazwe eza kube ibanjelwe eSpain kunyaka ozayo. Le tumente ebalasele ngokuvumbulula italente kwihlabathi lonke, ibidlalwa ngabadlali abaneminyaka ephakathi kweshumi neshumi elinambini. Uvumile ke kambe umqeqeshi weCharles Morgan ukuba akululanga ukuqeqesha abadlali abaselula ngokweminyaka – kodwa watsho esithi uyayivuyela impumelelo futhi baza kubuya nayo indebe kwimidlalo yokugqibela edibanisa izikolo zonke eMzantsi Afrika.

“Sikuvuyela kakhulu ukuphumelela. Bekungekho lula ngoba besidlala namaqela azilungiseleleyo. Siphuhlisa abantwana thina. Ixesha elininzi asidlaleli kuphumelela – kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba sibonise namhlanje into esibhinqe ngayo,” utshilo uMzimeli obebonakala echulumance ngendlela emangalisayo nabadlali bakhe.

“Ininzi into ekufanele siyenze ngoba siza kudibana namanye amaphondo. Akululanga – kodwa siza kuzilungiselela njengoba besenzile kule midlalo. Ndiyathembisa siza kuza nayo indebe,” uvale ngalo mazwi uMzimeli.