ICheetahs ikhalazela uStuart Berry

Emva kokubethwa ziiSharks ngoMgqibelo kumdlalo weSuper Rugby, iToyota Cheetahs zivule isikhalazo kwiSANZAAR nakwiSARU ngakusompempe ebebhexesha lo mdlalo uStuart Berry.

Lo mdlalo ubudlalelwa eThwekwini, iSharks iphumelele ngo’26-10. ICheetahs ivakalise ukunganeseki kwayo ebutsheni bale veki, ngenxa yokuba uBerry engakhange avume ukunikeza ipenalthi ebekufaneleke ukuba ifunyenwe yiCheetahs kwiskram.

Amandwendwe aseFree State ebehamba phambili ngo’7-3 wamanqaku kwisiqingatha sokuqala. ICheetahs bekubonakala ngathi izakungqengqa emgceni nangawuphi na umzuzu, kodwa iskram seeSharks besiqhubekeka nokuwa.

Ikapteni yeli qela uFrancois Venter ebemane ekhalaza kodwa khange ade ayifumane ipenalthi.

Enye into eyenze ukuba bakhalaze abadlali beeCheetahs kukuba uTendai Mtawarira ekhawuleze wafakwa ebaleni, emva kokuba efumene ikhadi elityheli kulo mdlalo. Indlela awusebenzise ngayo umthetho wombhoxo uBerry ibekwe ibala.

NgoMvulo iCheetahs iye yangqina ukuba ifake isikhalazo esijoliswe kuBarry ngokuse- sikweni. Le ngxolo ibikhutshwe kwikhasi lonxibelelwano leqela ibhalwe ngolu hlobo:

“Ukusukela kumdlalo wangoMgqibelo, sisoloko sifumana izikhalazo zabalandeli, ngendlela ubuphethwe ngayo umdlalo wethu nguStuart Berry. Nathi iyasikhathaza le nto. Silandele amanyathelo anyanzelekileyo, abaqeqeshi kunye nabaphathi beqela bafake izikhalazo zabo kwiSANZAAR neSARU.

Ngoku isezandleni zabo ukuba bathathe lo mcimbi bawudlulisele phambili. Ikhona into ethi yenziwe kubaqeqeshi abafunyenwe benetyala lokwenza gwenxa.”