iChief neChippa zidibana etshatshalazeni eMoses Mabhida Stadium!

UCaleb Bimenyimana ebhiyozela igowuli emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweStellenbosch neKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo eCape Town Stadium. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

“Lumka, iKaizer Chiefs yakudala ibuyile,” lawo ngamazwi ka-Arthur Zwane emva kokuphumelela eKapa kwiveki ephelileyo. Amakhosi angombe iStellenbosch FC ngo’3-1 emdlalweni obutak’ iintlantsi eCape Town Stadium. Amakhwenkwe kaSteve Barker akhokele ngegowuli elifakwe nguNhlanhla Mgaga kwango kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa ekugqibeleni, Amakhosi awuphumelele umdlalo ngamapenela afakwe nguBonfils-Caleb Bimenyimana. Ngaphandle kokufumana amapenela, iqela likaZwane lidlale kakuhle kakhulu neStellenbosch esisokolisayo kakhulu. “Abadlali babonise ukuzimisela okumangalisayo. Le yiChiefs endiyaziyo. Yile nam ndandiyidlalela,” utshilo uZwane obechulumancile.

“IChiefs exhaswa ngabantu kufakwa kuyo igowuli kodwa ilwe kude kube sekugqibeleni. Liqela elinjalo esilakhayo apha,” utshilo uZwane. Noxa iChiefs ibisoloko ibashushu iphinde ibande – kodwa ukufika kukaBimenyimana kwenze umahluko omkhulu kakhulu. Emidlalweni emithathu egqithileyo, uBimenyimana ufumene amagowuli amathandathu kwaye uzimisele ukufaka amanye amagowuli. Ingxaki enkulu yeChiefs ibikungakwazi ukusebenzisa amathuba – kodwa ngoku ingathi izinto ziguqukile. Kulindeleke ifolosi yaseBurundi yenze edume ngazo xa iChiefs idibana neChippa United emdlalweni weDStv Premiership oza kube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Ingakwazi na iChippa ukumbamba uBimenyimana? Lowo ngumbuzo abazibuza wona abalandeli bebhola. “Kukufaka amagowuli into endiyizeleyo apha. Iyandonwabisa lo nto,” utshilo uBimenyimana emva komdlalo obuseKapa. “Ndifuna ukufaka igowuli emdlalweni ngamnye esiwudlalayo. Ukuzithemba kum kuphezulu kwaye ndifuna ukunceda iChiefs ibuyise isidima sayo. Iza kubuya iChiefs. Siyazi ukuba inexesha elide ingafumani iindebe, Kule sizini sifuna into ekhethekileyo,” utshilo uBimenyimana, ovale ngelithi iqela liza kuya kwiChippa ngamandla afanayo abadlale ngawo eKapa. Ikhuthazekile kodwa nayo iChippa emva kokubetha iMarumo Gallants ngo’1-0 naMaZulu ngo’2-1 emidlalweni yokugqibela phambi kwekhefi leFIFA.