IChiefs igqejwe elingophiyo yiBidvest Wits

George Maluleka of Kaizer Chiefs challenged by James Keene of Bidvest Wits during 2017 Telkom Knockout semifinal match between Bidvest Wits and Kaizer Chiefs at Bidvest Stadium, Johannesburg South Africa on 18 November 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

IBidvest Wits
iya kumdlalo wamagqibela kankqoyi emva kokugqebha iKaizer Chiefs iduma
elingophiyo. Amakhosi abethwe ngo’1-0 kumdlalo weTelkom Knockout obusezingeni
eliphezulu eBidvest Stadium ngale njikalanga. Igowuli elifakwe nguJames Keen
ngentloko lencede iWits edlale kakuhle isiqingatha sokuqala qha kulo mdlalo.
Amakhwenkwe kaGavin Hunt adlale umdlalo ophucukileyo kakhulu ekuqaleni komdlalo
– kodwa abuya ehla amandla kwese sibini nangoba iChiefs ingakwazanga
ukubhakuzelisa umnatha. Emva kokuzama emva kwekhefu – kodwa Amakhosi aphume
eBidvest Stadium kungekho neli lokubika ekhaya igowuli. Ithemba lokuzisa indebe
eNaturena liphelele emoyeni kwakhona kuSteve Komphela ophantsi koxinizelelo.
Iqela lakhe belidlala ngcono nangona belidlala ngeshumi labadlali.

Emva
kokukhutshwa kukaWiseman Meyiwa ngekhadi elibomvu, iWits ingcagcazelise umnatha
ngoko nangoko ngebhola entle efakwe ngentloko nguJames Keen. UMeyiwa ubhaqiwe
ngusompempe emva kokunyathela ngolunya uDaine Klate elele phantsi. Ifolosi
yeWits, uGamal Amr, ubethe u-Eric Mathoho kumzuzu wesixhenxe kwisigaba sokuqala
somdlalo phambi kokuvuthulula intambula ebethwe ngamanqindi ngu-Itumeleng
Khune. Amakhosi ebethe fuxa emva elinde iWits ebelawula umdlalo futhi ebiyeyona
edala amathuba acacileyo okufumana amagowuli. Phambi kokuphela kwesigaba
sokuqala, iChiefs izamile ukuhlasela – kodwa abadlali beWits bebevale macala
onke.

Kuye
kwanyanzeleka ukuba uSteve Komphela afake uGustavo Paez noZuma – abathe benza
umahluko ngoba iChiefs itsho yakwazi ukusukela iWits. UWillard Katsande noPaez
abakwazanga ukusebenzisa amathuba bengaphakathi kumhlaba kanozinti – uKeet.
UGavin Hunt uphumze uKlate, endaweni yakhe ufake uSteven Pienaar kwisigaba
sesibini somdlalo. Amakhosi awulugnisile umdlalo wawo kwisigaba sesibini.
Akwazile ukuyinyanzela iWits ukuba idlalele emva – kodwa into ebinzima kukubeka
ibhola emnatheni. Akukho nto lingayenzanga iqela likaKomphela, ibhola
ayivumanga ukungena emnatheni.

 

Bidvest Wits: Keet, Klate, Monare, Gamal, Hlanti, Mkhwanazi, Mlambo, Tlhone, Keene,
Frosler, Ntshangase.

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Mathoho, Ngezana, Zulu, Katsande, Maluleka, Meyiwa,
Tshabalala, Molongoane, Parker.