IChiefs iza kungcotshiswa yiDowns!

Abadlali beKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns kulindeleke benze konke okusemandleni wabo emdlalweni osemalanga namhlanje kwidabi lokuphumelela indebe yePSL. umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

BekumelE ukuba iKaizer Chiefs ziintshatsheli zesizini ka2019/20 emva kokukhokela ixesha elide.

Akukabikho njalo ngoba ikhethe ukuba dikidiki endaweni yokucaca ukuba ifuna ntoni kule sizini.

Namhlanje iza kungcotshiswa yiMamelodi Sundowns efuthela emagxeni kuyo emdlalweni weAbsa Premiership ekulindeleke utake iintlantsi ngentsimbi yesithandathu emalanga eOrlando Stadium.

Amakhosi ashiya iSundowns ngamanqaku amathathu qha. Ukuba ingaphumelela iDowns, iza kuwuvala umsantsa ophakathi kwayo neChiefs ekhethe ukungayiphumeleli eyona midlalo ebalulekileyo kwiveki ephelileyo.

Nangona izinto bezingalihambeli kakuhle iqela likaPitso Mosimane ixesha elide, kodwa ukubetha kwalo iGolden Arrows ngo’1-0 ekuqaleni kwale veki kubuyise ukuzithemba ebadlalini kwavuselela nethemba lokukhusela indebe eliyiphumelele kunyaka ophelileyo. Ukuba iChiefs ingabethwa namhlanje, iSundowns ikwazi ukuyibhukuqa, lo nto ingalihlazo elingasoze lilityalwe ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Ifike ngexesha elibi iSundowns ngoba iChiefs yonzakalelwe nguLeonardo Castro okhutshwe kwangoko emdlalweni ogqithileyo.

Kanti yena uSamir Nurkovic ngeke adlale ngenxa yamakhadi atyheli amaninzi awafumeneyo. Yinto engamonwabisanga leyo uErnst Middendorp ngoba iifolosi ezingekhoyo, ngabona badlali athembele ngabo.

“Kubuhlungu ukuphulukana nabadlali, kodwa sikhangela isisombululo ngoku. Ukungabikho kukaNurkovic noCastro emdlalweni obaluleke njengalo yinto esingakhange sayicinga. Bobabini ngabona badlali abadlala kakuhle,” utshilo uMiddendorp emva kokuba iqela lakhe lidlale ntanganye ngo’1-1 neStellenbosch.

IChiefs idlale ngethuba lokuthatha indebe ngethuba iphisa ngomdlalo kwiCeltic ephumelele ngo’3-1 kwiveki ephelileyo. Ngoku iSundowns iya emdlalweni wasemalanga ifuna into enye, ukuphumelela ukuze ilingane neChiefs ngamanqaku. Ingenzeka lo nto ukuba ingazimisela.

UPitso uyibethe ngoyaba into yokubaluleka komdlalo wanamhlanje.

“Andiqondi ukuba ngumdlalo oza kugqiba ngelona qela eliza kuphumelela indebe,” utshilo.