IChiefs neBucs zincwase iBlack Label Cup!

IChiefs neOrlando Pirates ziza kulwela iCarling Black Label Cup phambi kokuvulwa kwesizini entsha ezinethemba lezinto ezintsha emva kwendlala yeminyaka. Umfanekiso: M-Sports Marketing/Facebook

Ibuyile iCarling Black Label emva kokuthi nqumama kunyaka ophelileyo.

Umdlalo uza kuba phakathi kwamaqela amabini, iKaizer Chiefs neOrlando Pirates, awona alandelwa kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika kwinyanga ezayo.

Njengokuba ingabalandeli abathatha isigqibo ngabadlali ngomhla womdlalo – kusenjalo kodwa ngoku banikwe amandla athe chatha.

Abalandeli baza konyula ookapteni bamaqela, amalalela nomdlali obalaseleyo emdlalweni. Zonke ezo nguqu ziza kwenziwa ngabantu abakuTwitter.

Emva kokuvala isizini la amaqela engafumenanga nto, omabini ancwase ukuzihlupheza ngeBlack Label Cup ukuze kufike isizini entsha abe enamandla okubuyisa ubungangamsha aziwa ngabo eMzantsi Afrika.

Kutshanje, abalandeli nabameli bamaqela omabini bebehlangene ePark Station, eGoli, apho kuphehlelelwe khona isiqendu esitsha seBlack Label Cup.

Amakhosi asophisa emva kokuhlazwa yiTS Galaxy ngo’1-0 kwiNedbank Cup. UWillard Katsande uthi ukubetha iPirates yinto enokuyivuselela iChiefs.

“Akukho lula ukudlalela iBlack Label ngenxa yembali yamaqela omabini. Iza kube ingumdlalo wethu wokuqala emva kwekhefu kwaye nguwo oza kusinceda sibone ukulungela kwethu isizini entsha. Ukubetha iPirates yinto engasivuselela kakhulu singabadlali,” utshilo uKatsande. Ukusukela mhla kwahamba uStuart Baxter, kwanqaba iindebe eNaturena nangona kwaqeshwa uSteve Komphela ohleli iminyaka emithathu yonke, uGiovanni Solinas noErnst Middendorp ekungekacaci nokuba uyakugcinwa na emva kokuba uMnu Kaizer Motaung ethembise ngokwenza iinguqu phambi kokuqala kwesizini entsha.

Yena uMilutin Sredojevic uthe akalali kakuhle emva kokuphanza kwamalinge akhe okuphumelela iindebe kwiPirates. Noxa iPirates ivale ikwindawo yesibini kwiPSL kodwa naye uphantsi koxinizelelo ngoba ineminyaka emihlanu ingasayifumani indebe.

“Kunzima ukulala kodwa ndingatsho okokuba ndizimisele ukusebenzela iPirates ngokukhulu ukuzimisela,” utshilo uMicho ongekafumani indebe emva kweminyaka emibini.