IChiefs neChippa zilwela indawo ephezulu kwiPSL

UHendrick Ekstein eKaizer Chiefs noJames Okwuosa of Chippa United ngethuba la maqela edlala umdlalo weTelkom Knockout ngo-2017 eNelson Mandela Stadium umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Emva kokubetha iFree State ngo’1-0 kutshanje kumdlalo obuseSisa Dukashe Stadium, umqeqeshi weChippa United, uVladislav Heric, wabonakalisa ukuzithemba nokubathemba abadlali bakhe ngaxeshanye.

Le ndedeba yaseSerbia engene endaweni kaTeboho Moloi, inomsebenzi onzima kakhulu ewunikwe ngabaphathi beChippa United.

Inye into efunwa yiChippa kule sizini: kukufumana indawo kwiTop 8 xa kuvalwa isizini.

Yinto enzima kakhulu leyo ngoba kufuneka iChippa ibethe amaqela afana neMamelodi Sundowns elwela ukuthatha indebe yePSL neKaizer Chiefs efuna ukuvala isizini ikwindawo ephezulu.

Kule veki amandla weChippa aza kuvavanywa xa idibana namaqela amakhulu kude nekhaya.

IiChilli Boys ziqubisana neChiefs kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ozakube useFNB Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Kumdlalo wokuqala, iChippa United, yayibetha ngo’1-0 iChiefs – kulo mdlalo wesibini kulindeleke ukuba kuqhawuke unobathana.

UHeric wathi ukufumana ixesha elide esebenza nabadlali kukona kunokuthi kuqinise iqela lakhe ngoba uzakube ebazi ngokupheleleyo. Iphupha letop 8 alingeke ibe yinto elula kwiChippa ngoba ingaphandle kuyo ngoku kwaye maninzi amaqela alwela yona. Kwelinye icala uSteve Komphela namakhwenkwe wakhe abazimiselanga kunikezela kwiphulo labo lokuphumelela indebe yePSL.

UKomphela uthi kunyanzelekile iyiphumelele yonke imidlalo eshiyekileyo – kodwa lo nto inzima kakhulu ngoba iOrlando Pirates neMamelodi Sundowns ngawona maqela anamathuba acacileyo wokuphumelela indebe.

“Siza kudlalela ukuyiphumelela yonke imidlalo yethu. Yimidlalo yokugqibela, amanye amaqela alwela indebe kanti amanye alwela iTop 8 nokusinda ezembeni,” utshilo uKomphela kwikhasi lomnatha leChiefs.

Njengokuba Amakhosi esalwela iNedbank Cup – kodwa kuyabonakala ukuba afuna ukulwela indawo ephezulu ukuze abuyele kwiCaf Champions League. Amakhosi aza kulwela ukubuyisa izitya emva kokubethwa yiChippa kumdlalo owawuseBhayi kunyaka ophelileyo.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Free State Stars @Princess Magogo Stadium, 15:00; Kaizer Chiefs vs Chippa United @FNB Stadium, 15:00; Maritzburg United vs Cape Town City @Harry Gwala Stadium, 20:15; Platinum Stadium vs Polokwane City @Royal Bafokeng Stadium, 20:15

NgeCawe: Baroka FC vs Mamelodi Sundowns @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Bloemfontein Celtic vs AmaZulu FC @Dr Molemela Stadium, 15:00