IChiefs neDowns ziphinda etshatshalazeni

Abadlali besilwela ibhola emdlalweni weShell Helix Ultra Cup obuphakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns kutshanje eFNB Stadium umfanekiso: Itumeleng English/African News Agency(ANA)

Imidlalo yeAbsa Premiership ibuyile kule veki emva kwekhefu. Kulindeleke ukuba kophuke izikeyi emdlalweni omkhulu ophakathi kweMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs oza kudlalelwa eLoftus Versfeld Stadium ngo15:30 ngeCawe.

Amakhosi asendaweni yokuqala kwiPSL – kanti yona iSundowns isengaphantsi kwawo. Ngumsantsa ophakathi kwala maqela mabini ebekufanele uxhonkxe ukhuphiswano kukodwa, kodwa ukubethwa kweSundowns kwiShell Helix Cup kwiiveki ezidlulileyo yeyona nto eza kubangela umdlalo wangempelaveki utake iintlantsi. Abalandeli beChiefs basathetha ngokubetha iDowns ngo’4-2.

Yona iSundowns iya emdlalweni ikhangela impindezelo.

Ukubethwa kweDowns ibe ziindaba ezingakholelekileyo kuPitso Mosimane.

Kwiveki ephelileyo, iSundowns ivuthulule AmaZulu ngo’5-0 emdlalweni weTelkom Knockout obubanjelwe eLucas Moripe Stadium.

Lo nto ingatolikwa njengomyalezo ocacileyo ojoliswe kumaqela eza kudlala nawo kule veki, ingakumbi iChiefs.

UPitso uxelele iintatheli okokuba abantu bafuna iDowns iziphindisele kwiChiefs.

“Masifumane indebe yePSL yeshumi emva koko singathetha ngezinye izinto. Kufuneka sichul’ ukunyathela kwezi ntsuku ezizayo. Usapho lwam luthi kufuneka siyibethe iChiefs ngokuba yafaka amagowuli amane kuthi. Bafuna impindezelo ngokuba bakhathazwa kokwenzeka kwiShell Helix Cup kodwa ke mna ndithi kubalulekile ukuyazi into ebalulekileyo,” utshilo uPitso.

Ayikho indlela angazinqanda ngayo iingqondo zabadlali zingacingi ngeChiefs, kodwa uPitso uthe uza kubacela baqale baqubisane neHighlands Park elushica emdlalweni obuyizolo.

“Ukubetha iChiefs kunika abantu ilungelo lokuqhayisa. Yiyo lo nto elinde umdlalo ozayo. Kodwa ndanditshilo ebadlalini ukuba akunyanzelekanga ubethe iChiefs ukuze uthathe indebe ekupheleni kwesizini,” utshilo uPitso ezama ukuphepha ingxoxo ngeChiefs.

Kwelakhe icala uErnst Midderndorp unokubanalo ixhala ngenxa yabadlali abonzakeleyo kodwa iqela lakhe likhuthazekile emva kokubetha iCape Town City emdlalweni weTKO kwiveki ephelileyo.