IChiefs nePirates zibambene kwakhona eFNB Stadium

Thabo Rakhale of Orlando Pirates challenged by Siyabonga Ngezana of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium in Johannesburg, South Africa on 21 October 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Nangona
iFNB Stadium ibizele ime ngeembambo ngabalandeli bebhola ekhatywayo – kodwa bagoduka
kungekho nto baqhayisangayo kwakhona emva kokuba iKaizer Chiefs ne-Orlando
Pirates zibambene ngeqanda ngale njikalanga kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League. Ngaphandle koThabo Qalinge obe ngoyena mdlali othe wenza izinto
ezibonakalayo, akukho into ingakho enokubaliswa ngalo mdlalo. Kwisigaba sokuqala
iPirates iwafumene amathuba okusonga umdlalo – kodwa ngenxa yokungakwazi ukusebenzisa
kakuhle amathuba, iguduke nomnqongo wenqaku. Nayo iChiefs izamile ukugqotha
kwisigaba sesibini – kodwa ayakwazi ukufumana nelo bika igowuli. Umdlalo
ulawulwe yiPirates kwisigaba sokuqala – into engakwazanga ukuyenza kukuqhekeza
abadlali beChiefs emva.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu
kanye ngendlela ebekulindeleke ngayo. AmaBhaka-bhaka ngawo alawule umdlalo
kwisiqingatha sokuqala kwaye ikwangawo nadale amathuba okufaka amagowuli
acacileyo. Kuye kwanyanzeleka ukuba unozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune,
asebenze kwakumzuzu wesithathu umdlalo uqalile. UThabo Qalinge ukhabe ibhola
embi ethe qelele – kodwa ngethamsanqa uKhune ukwazile ukuyibetha ngesandla lo
bhola. Emva koko iKaizer Chiefs ekhethe ukuthi fuxa emva ihlasele kumzuzu
weshumi. USiphiwe Tshabalala
unikele uBernard Parker ibhola entle ecande amadoda, uWyne Sandilands ukwazile
ukuyinqanda lo ngozi ngokuyikhawulela ibhola. Esiswini iPirates ibidakasa
isebenzisa u-Issa Sarr, uThabo Qalinge, uThabo Rakhale abakwazileyo ukuyigcina
iChiefs ingekho emdlalweni. Kumzuzu wamashumi amabini anesibhozo uSiyabonga
Ngezana ungqube ibhola ngentloko eshiye uSandilands emile – kodwa loo bhola
inqandwe yipali. UMpho Makola noQalinge bazamile ukukhabela iipali – kodwa iinzame
zabo ziphazanyiswe nguKhune.

Izinto
zijikile kwisigaba sesibini, Amakhosi abonakele edlala umdlalo owahlukileyo
kwisigaba sokuqala. Ukungena kukaGustavo Paez kuyinike amandla okuya phambili –
kodwa iinzame zabo abadlali beChiefs aziphumelelanga. UQalinge, ongeyena mdlali
othe waqaqamba kulo mdlalo, uvuthulule ibhola endaweni embi – kodwa ngelishwa
lakhe ibethe epalini. Amandla wePirates okudlala ibhola nokuya phambili aye
ehla kwisigaba sesibini ngenxa yeChiefs etshintshe indlela edlale ngayo.
Uphindile uQalinge etsala intambula ekude – kuye kwanyanzeleka uKhune anqande
amanzi engena endlini. Kude kwase kugqibeleni engakwazanga ukusebenzisa
amathuba la maqela.

Kaizer Chiefs: Itumeleng Khune, Daniel Cardoso, Eric Mathoho, Siyabonga Ngezana, Philani Zulu, Willard Katsande, George Maluleka, Hendrick Ekstein, Siphiwe Tshabalala, Joseph Malongoane, Bernard Parker.

Orlando Pirates: Wayne Sandilands Abbuabaker Mobara, Juctice Chabalala, Ntsikelelo Nyauza, Innocent Maela, Thabo Matlaba, Issa Sarr, Thabo Qalinge, Thabo Rakhale, Mpho Makola, Thabiso Kutumela.