IChippa, Arrows zidlulele phambili kwiNedbank Cup

Andile Mbenyane of Chippa United and Tshehla, Mogau during the 2017 Nedbank Cup Last 16 game between Chippa United and Polokwane City at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 8 April 2017 © Deryck Foster/BackpagePix

Ayahluzana amaqela adlala kwiNedbank Cup. Ngale njikalanga yanamhlanje iChippa United ikhuphe iPolokwane City emva kokuyibetha ngo’2-0 kumdlalo obushushu ngendlela emangalisayo eNelson Mandela Bay Stadium. IiChilli Boys zibuyele kwimo yazo yesiqhelo emva kokubethwa kabuhlungu ngo’4-1 yiCape Town City kumdlalo wePSL ekuqaleni kwale veki e-Athlone Stadium.

Omabini la maqela ayibeka phantsi ibhola xa edlala futhi asebenzisa isantya xa ehlasela ubukhulu becala, isiqala somdlalo besiphezulu ngoba bekufuneka kukho iqela eliphumelelayo. Kwimizuzu yokuqala yomdlalo iRise and Shine yiyo ebiyiphethe ibhola – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza kwiChippa United. Nalo iqela ebelidlalela ekhaya lenyuse umxakatho kwakucaca ukuba liyahamba ixesha kungekho gowuli lifumanekayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini macala omabini.

Kwisigaba sesibini, uDan Malesela ukhuphe uSiyabonga Ngubane waze wafaka uLinda Shiba endaweni yakhe. Ngomzuzu wamashumi amathandathu, uBuyani Sali, uvalele igowuli lokuqala emnatheni. Amakhwenkwe kaMalesela aqhubele phambili nokufaka uxinizelelo kwiCity kwade kwavuleka kwakhona. Kuthe xa kushiyeke imizuzu elithoba phambi kokuphela komdlalo, u-Andile Mbenyane ufake igowuli lesibini leChippa – kwaba kugqityiwe. Kokokuqala iChippa United ifikelela kwisigaba ekuso kukhuphiswano ukusukela oko yasungulwa ngo’2010. Le yinto enkulu kwiChippa – kwaye iza kufuna ukuya phambili nangoba kufuneka iqinise kakhulu kwimidlalo yePSL.

Pedro Maphelo's photo.

Nduduzo Sibiya of Golden Arrows celebrates goal with teammates during the 2017 Nedbank Cup Last 16 match between Mamelodi Sundowns and Golden Arrows at Lucas Moripe Stadium, Atteridgeville South Africa on 08 April 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Yona iGolden Arrows ikhuphe iMamelodi Sundowns kwiNedbank Cup namhlanje ngokuyibetha ngo’1-0 kumdlalo obunzima eLucas Moripe Stadium. Igowuli laBafana Bes’thende lifakwe nguNduduzo Sibiya kwisigaba sesibini somdlalo. UPitso Mosimane neqela lakhe baye emdlalweni ngaphandle kwabadlali abaninzi ngenxa yokwenzakala. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ebambene la maqela – kodwa zitshintshile izinto kwese sibini isiqingatha. Ebekhona okanye iwafumene amathuba wokufaka amagowuli iDowns – kodwa ayikwazanga ukuwasebenzisa.