IChippa ekhuthazekileyo idibana nePolokwane City eyingozi kakhulu

UThabo September ngumqeqeshi oyintloko weChippa United. Umfanekiso: CU/Facebook

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni ekuphela kwalo kwiBetway Premiership, iChippa United, liya emdlalweni wayo olandelayo kukho ukufunquka kokuzithemba. Oku kulandela ukuqhuba kakuhle kwayo iChippa emidlalweni emibini egqithileyo phantsi kukaThabo September ongene endaweni kaKwanele Kopo ohambe ekuqaleni kwalo nyaka.

Emdlalweni weBetway Premiership wakutsha nje, iChippa ifumene inqaku elinye emva kokuba ibambene ngamagowuli amabini neMarumo Gallants emdlalweni obuseMonti. Emva koko uSeptember uye neChippa United kwiphondo laKwaZulu-Natal – apho idibene khona neGolden Arrows emdlalweni obutaka iintlantsi.

Ibuye ijiwuzisa umsila phezulu iChippa United emva kokubetha iGolden Arrows ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eHaammarsdale Staium ngempelaveki egqithileyo. Ngaphandle kwamathandabuzo, ubukho bukaMabhuti Khenyeza kwiChippa kuyincedile ngoba ebeqeqesha yona ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.

Ukuzithemba kwabadlali kuza kuyinceda iChippa United njengokuba iza kuntingela eLimpopo – apho iza kudibana nePolokwane City emdlalweni weBetway Premiership oza kube ubanjelwe e’Old Peter Mokaba Stadium ngentsimbi yesihlanu ngoMgqibelo.

“Ndicinga ukuba sifumene umdlalo omhle ngoba akukho qela ebelihleli emva. Omabini adlalele ukuphumelela. Size sisazi ukuba iGolden Arrows idlala kakuhle – kodwa injongo yethu ibikukwenza bhetele kunayo emdlalweni,” utshilo uSeptember emva komdlalo ogqithileyo. “Kuhle ukufumana iziphumo ezincumisayo kwaye Sinethemba lokuba siza kwacha phezulu kwazo emidlalweni elandelayo.

“Abadlali beze emdlalweni wanamhlanje bekhuthazekile. Uzamile naye uMabhuti Khenyeza ukwenza eyakhe indima ngoba ebesuka kwiGolden Arrows kakade,” utshilo umqeqeshi weChippa emva komdlalo ogqithileyo. Kule veki iya kwiPolokwane City eyingozi ithembele ngabadlali abafana noSinoxolo Kwayiba ozamayo ukufaka amagowuli no-Ayabulela Konqobe oyintsika yeChippa United ngoku.