IChippa esokolayo isecicini lokwenza imbali kwiNedbank Cup

UPeter Maloisane no-Anthony Laffor bevuyela igowuli leChippa United. ©Deryck Foster/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uMnu. Siyabulela Gwambi, unomsebenzi onzima kakhulu phambi komdlalo weNedbank Cup ongempelaveki. IChippa isophisa emva kokubethwa kwayo yiMamelodi Sundowns ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium ngoMvulo wale veki. Ukubethwa kweChippa kube ziindaba ezimbi ngoba ngoku isekela iBlack Leopards esemsileni weDStv Premiership.

UGwabi, onyuselwe emva kokugxothwa kukaDan Malesela, kufuneka akhuthaze amakhwenkwe wakhe njengokuba iqela lakhe liza kudibana nePretoria Callies emdlalweni obalulekileyo weNedbank Cup oza kudlalelwa eLucas Moripe Stadium ngo-15:00 ngoMgqibelo.

Ngeke kube lula ukubetha iCallies ngoba nayo ifuna ukuzenzela eyayo imbali kwiNedbank Cup njengamaqela afana neTS Galaxy ekhe yayiphakamisa indebe isadlala kwiGladAfrica Championship. UGwambi uthe ngeke iqela lakhe lithobe umxakatho kuba lidlala neqela elikumgangatho osezantsi.

“Siza kudibana nePretoria Callies efumene ithuba lokufunda kakuhle indlela esidlala ngayo. Sinaloo msebenzi weNedbank Cup ongelulanga. Into esingazukuyenza kukutshintsha indlela esiyilungiselela ngayo imidlalo yethu kuba sidlala neqela elidlala kwiGladAfrica. Zingakhona iinguqu phaya naphaya ebadlalini abaza kuqala umdlalo ngoba sizimisele ukuwasebenzisa kakuhle amathuba avelayo emdlalweni,” utshilo uGwambi.

Iqela laseMpuma Koloni lisecicini lokwenza imbali ngokudlala okokuqala emdlalweni wokugqibela kwiNedbank Cup nakubeni litsala nzima kwiDStv Premiership. UGwambi uya emdlalweni wangempelaveki enethemba emva kokoneliseka yindlela iqela elidlale ngayo nangona libethiwe.

“Sidlale ngendlela ebesicwangcise ngayo. Besisazi kakuhle ukuba iSundowns iza kusebenzisa izithuba ezivelayo – kodwa kwisigaba sesibini, sithe abadlali bethu abasemaphikweni mabayilinde ize kubo. Isebenzile lo nto ngoba isigaba sesibini siye sangcono kakhulu,” utshilo uGwambi.