Iyantywizisa
iChippa United emva kokuquthiswa kabuhlungu
enkundleni yayo. Abadlali beRise and Shine babuyela eLimpopo bencume olukaBhulankethe
emva kokuphumelela ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League wokugqibela
kulo nyaka obuseNelson Mandela Bay Stadium. Igowuli ebekuphela kwalo kulo
mdlalo lifakwe sisitshovu-tshovu esihamba phambili ngokufaka amagowuli kwiPSL –
uRodney Ramagalela. IiChilli Boys ziphose ithuba lokuya eKrismesini ziphakathi
kwamaqela amathathu aphambili ngenxa yokuphulukana nalo mdlalo wanamlanje.
iyinike ithuba lokuphefumla emva kokungaphumeleli kwimidlalo emihlanu yonke
edlulileyo.
Isigaba
sokuqala khange sivelise zinto zothusayo – kodwa unozinti weCity, uGeorge
Chigova kuye kwanyanzeleka achithe ibhola kaJames Okwuosa. UTeboho Moloi uye
wanyanzeleka ukuba enze utshintsho emva kokonzakala kuka-Abel Mabaso. Endaweni yakhe
ufake uKurt Lentjies ofike wancedisa ekuhlaseleni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla
kungekho qela lifuna ukugoba uphondo. Emva kokunqaba kwamathuba emdlalweni,
uTeboho ufake uSamuel Julies endaweni kaMashego obeqale umdlalo namhlanje.
URamagalela ungcangcazelise umnatha ngepenela emva kokuwiswa nguJames Okwuosa
kwindawo embi.
Chippa United: Mhlongo, Thopola,
Mako, Bergman, Okwuosa, Maphanga, Mabaso, Mdlindzo, Zuke, Mvelase, Mashego.
Hlongwane, Maponyane, Mbonani, Vilakazi, Ramagalela, Phiri, Ndou, Maluleke, Musona.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala