IChippa ifuna ukuziphindisela kwiRoyal AM eyinkathazo

UVictor Letsoalo weRoyal AM, uZuko Mdunyelwa noThabiso Lebitso weChippa United emdlalweni weDStv Premiership. Muzi Ntombela/BackpagePix

Ibuyela eMonti okokuqala iChippa United kulo nyaka mtsha. Emalanga ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, iChippa United iza kwamkela iRoyal AM emdlalweni weDStv Premiership ekulindele utshise eSisa Dukashe Stadium eyayifudula ingabethwa lula kuyo kwiminyaka egqithileyo. Iqela likaKurt Lentjies liya emdlalweni wangempelaveki liqhwalela emva kokuba likhutshwe ekuseni kwiNedbank Cup yi-University of Pretoria nasemva kokubethwa yiMamelodi Sundowns ngo’2-0. Nangona iChippa ibingathanda ukuhamba umgama omde kwiNedbank Cup njengakunyaka ophelileyo ebethwe emdlalweni wokugqibela – kodwa ukubethwa kwayo kuyinika ithuba lokujongana nemidlalo yeDStv Premiership ukuze ifumane indawo ehloniphekileyo ekupheleni kwesizini.

IChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu, ishiya iTS Galaxy esemsileni ngamanqaku amathathu qha. Njengokuba iChippa isoloko isilwela izembe, uLentjies uqinisekile nakule isizini ukuba iza kukwazi ukuqokelela amanqaku oneleyo emidlalweni elishumi elinambini eshiyekileyo. Akululanga ukuba ngumqeqeshi weChippa xa ingaqhubi kakuhle kwisigaba sesibini sesizini – kodwa uLentjies uthi akanalo ixhala lokugxothwa. “Ndizamkela iziphumo zokubethwa kulo mdlalo ngoba abadlali bethu basebenze ngokuzimisela ebaleni. Kudala ndasebenza phantsi koxinizelelo ebomini bam,” utshilo uLentjies.

“Andiva nokuba kuzani. Nokuba kwenzeka ntoni ngomso, andoyiki. Ndandingeke ndivume ukuwuthatha lo msebenzi ukuba ndandingaqinisekanga ukuba singayenza into efunekayo ekupheleni kwesizini. Zininzi iinguqu ezenzekileyo nesikubetheleleyo ezingqondweni zabadlali. Ngoku sijonge umdlalo olandelayo,” utshilo uLentjies emva kokubethwa yiSundowns kutshanje. Akululanga ukubetha iRoyal AM ngoba ilushica futhi iyakwazi ukuwonzakalisa amaqela xa engalumkanga. Nangona kunjalo, kunyanzelekile abadlali beChippa balwele ukuzophula ukuze ingazibhaqi idlala imidlalo yokuxabangela njengakunyaka ophelileyo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Chippa United vs Royal AM @Sisa Dukashe Stadium, 15:30; Swallows FC vs TS Galaxy @Dobsonville Stadium, 18:00

Cawa: Golden Arrows vs Cape Town City @Princess Magogo Stadium, 15:30; Sekhukhune United vs Baroka FC @Ellis Park Stadium, 18:00