Njengokuba kusongwa unyaka ka2024, iChippa United izimisele ukuvala unyaka eMonti ngendlela encumisayo. Oku kuza kwenzeka xa isamkela iCape Town City emdlalweni weBetway Premiership oza kube useBuffalo City Stadium. Omabini amaqela afuna ukuvala unyaka ngendlela ebhetele. Kodwa konke oku kwakucaca ngoMgqibelo ngentsimbi yesihlanu emalanga eMonti.
Ngumdlalo ekulindeleke ukuba utake iintlantsi ngoba kudibana amaqela adlala ibhola entle. IChippa United iya emdlalweni olandelayo ukuzithemba kusephezulu emva kokuba ibethe iMagesi FC ngamagowuli amabini kwiiveki ezidlulileyo. Ethetha neentatheli ngenye imini, uKwanele Kopo wathi kungakuhle ukuba iChippa United ingavala unyaka ngendlela ebhetele kakhulu.
Ukusukela oko kuqale isizini, iChippa yenze umsebenzi ongcono kakhulu. Ngoku ithe ngcu kwindawo yesihlanu emva kokuqokelela amanqaku alithoba. Onke amaqela asebenzela ukusonga isigaba sokuqala sesizini ekwiindawo ezihloniphekileyo ngoba isigaba sesibini siye sithande ukuba nzima kakhulu. Akukuhlanga kwelayo icala iCape Town City.
Iza eMonti isophisa emva kokubethwa yiGolden Arrows ngo’3-2 emdlalweni ogqithileyo. Kunyanzelekile ukuba uEric Tinkler nabadlali bakhe bafumane iziphumo ezahlukileyo neziza kunceda iCape Town City engade icace eyona nto iyiyo kule sizini. Emidlalo: AmaZulu aza kudibana neRoyal Am emdlalweni wobukhaya oza kube useKing Zwelithini Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlani.
AmaZulu aya emdlalweni ekhangela enye impumelelo engawabeka endaweni ebehetele.Naye uJohn Maduka angonwaba xa iRoyal Am ingafumana amanqaku amathathu emalanga ngoMgqibelo. Yona iGolden Arrows iza kongeza iingxaki zeRichards Bay esekugqibeleni kwiBetway Premiership. Komnye umdlalo, iSuperSport United iza kudibana neMagesi ebusuku ngoMgqibelo.
Useziseleni uGogo Maweni!