IChippa ingadlala ngaphandle kukaLentjies

UKurt Lentjies weChippa United eNelson Mandela Bay Stadium, ePort Elizabeth. © Deryck Foster/BackpagePix

Emva kokuphuma kwiTelkom Knockout, iChippa United inethemba lokuqinisa indawo yayo kwi-Absa Premier Soccer League kwimidlalo ezayo.

IiChilli Boyz zisantywizisa emva kokubethwa yiKaizer Chiefs ngo’1-0 kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium kutshanje.

NgoLwesithathu weveki ezayo, uTeboho Moloi uzakukhokela iqela lakhe xa lidlala neFree State Stars kumdlalo wePSL ozakube useGoble Park ngo’18:00.

Eli qela lizinze eBhayi liya kulo mdlalo ngaphandle komdlali walo ophambili uKurt Lentjies owonzakala egxalabeni emva kokungqubana nonozinti weChiefs.

Ukusukela ngomhla onzakala ngawo uLentjies, ugqirha wamyalela ukuba angasondeli ebholeni.

“Uyangcambaza kakuhle uLentjies. Igxalaba lakhe lagungxuka ngoku uphantsi kweliso likagqirha,” utshilo uLuthando Zibeko ngethuba ethetha neli phephandaba.

Nangona kumthathe imidlalo engaphezulu kwesihlanu phambi kokuzuza impumelelo uTeboho Moloi – kodwa ukubetha iCape Town City ngo’2-1 eSisa Dukashe Stadium nokubetha iBidvest Wits ngo’2-0 emva kwalowo umdlalo – kuyithathe kwayibeka endaweni entle iChippa.

Into ebalulekileyo ngoku kukuqokelela amanqaku kangangoko phambi kwekhefu lokuphela konyaka ukuze kuphunguke uxinizelelo.

Enye yezinto ekufuneka iphetshwe yiChippa kukulwela izembe njengakwisizini egqithileyo.

Emva kokudlala noMthatha Bucks kwi-O.R.Tambo Challenge, uTeboho unethemba lokuba bonke abadlali bazakube beyilungele iFree State Stars.

“Siye sanika abadlali abathile ithuba, bambi sibabonile ukuba bayafuna ukudlala. Besibanike ikhefu abadlali bethu abadala. Sinesicwangciso seFree State Stars, sifuna ukubona abadlali abawulungeleyo umdlalo ukuze sikwazi ukubalola,” utshilo uTeboho.

Enkundleni yayo iFree State iyingozi kakhulu kwaye nayo ikhangela amanqaku apheleleyo ukuze ikwazi ukunyukela phezulu kwiPSL.

Ukusukela oko kwathi kwangena uLuc Eymael njengomqeqeshi, iFree State ikwazile ukuqokelela amanqaku ayisusileyo kwindawo embi emsileni wePSL.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesibini: Cape Town City vs Baroka FC @Cape Town Stadium 18:00; Bidvest Wits vs Mamelodi Sundowns @Bidvest Stadium 19:30; Orlando Pirates vs Golden Arrows @Orlando Stadium 19:30

NgoLwesithathu: Free State Stars vs Chippa United @Goble Park 18:00; Platinum Stars vs Bloemfontein Celtic @Royal Bafokeng Stadium 19:30; AmaZulu FC vs Kaizer Chiefs @King Zwelithini Stadium 19:30; Polokwane City vs Maritzburg United @Old Peter Mokaba Stadium 19:30