Iphelile isizini kodwa akukho kuphumla ncam ngoba amaqela alungiselela isizini ezayo. NeChippa United kulindeleke yenze njalo.
IiChilli-boyz livale isizini ka’2015/16 kwindawo yesithandathu kwiPremier League emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’2-0 eFNB Stadium kumdlalo wokugqibela.
Yeyona ndawo ephezulu efunyenwe yiChippa kwimbali yayo kwiPSL. Njengokuba idlale kakuhle kule sizini, ilishwa layo kukuba abadlali bayo bafunwa ngapha nangapha. Abadlali ababini abaphambili kweli qela uThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane khange babonakale nangotshengele.
Iingxelo zithi bobabini aba badlali bafunwa ngamaqela amakhulu aseRhawutini. Kodwa ingxelo ephuma kwiChippa ithe ilindele uSanweni abuyele kweli qela xa kuvulwa isizini entsha. “Khange abekho ngoba simnike ikhefu kuba bekukho ingxaki yekhaya.
Usenesivumelwano neChippa kwaye silindele abuye kwinyanga ezayo,” sitshilo isithethi esikwangumanejala, uLuthando Zibeko, izolo.
UJames Okwuosa sele etyikitywe yi-Orlando Pirates. UDaniel Akpeyi uthele thsuphe amajelo eendaba ukuba kukho abadlali abahambayo.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni