IChippa iya koweDiski Challenge ikhuthazekile

Umqeqeshi weChippa United edlala kwiMultiChoice Diski Challenge, uMbuyiselo Sambu, uthi abadlali bakhe baya emdlalweni olandelayo bekhuthazekile emva kokudlala kakuhle kwiveki ephelileyo.

IChippa ibambene neKaizer Chiefs ngo ‘3-3 emdlalweni weDiski Challenge obuseSisa Dukashe Stadium.

Amakhwenkwe kaSambu azibonakalisile ngokufaka amagowuli – kodwa ingxaki yawo kukuvuza emva.

Nangona kukho lo ngxaki kwiChilli-Boys, umqeqeshi uthi ukuzithemba kuphezulu emva kokubambana neChiefs emdlalweni obubukelwe ngabantu abasondele kumawaka amabini eMdantsane.

Abadlali abafana no-Aviwe Mqokozo, uXabiso Soldaat noThulani Mini kuza kunyanzeleka baxhome umgangatho kwakhona xa iChippa idibana neBaroka emdlalweni weDiski ose-Old Peter Mokaba Stadium ngo-10:00 ngoMgqibelo.

Ukuba abadlali beChippa banokudlala ngendlela abadlale ngayo eMdantsane, likhona ithemba lokubuya neziphumo ezincumisayo.

“Into ebalulekileyo kum kukubona abadlali bedlala ngendlela yabo kulandele iziphumo. Umsebenzi wabaqeqeshi kukubanika abadlali amathuba ukuze bakwazi ukukhula. Ndivuye kakhulu xa bezibonakalisa phambi kwabantu abaninzi kangaka,” uSambu emva komdlalo oye waphawula nangokuvuza kweqela lakhe.

“Kudala sithetha ngalo nto. Siliqela elikwaziyo ukuwafaka amagowuli – kodwa siphoxwa kukuvuza. Yenye yezinto ezibangela iqela lethu libe sezantsi. Siyazama ukuyilungisa le ngxaki – kodwa iyala. Asingeke siyeke ke ukusebenza ngokuzimisela ngoba yeyona nto eza kusinceda siye endaweni ebhetele. Ukudlala kakuhle neChiefs kuza kubakhuthaza abadlali bethu. Sisoloko sibaxelela okokuba italente banayo; into efunekayo kubo kukuzithemba ebaleni. Siza kuya ePolokwane sinamandla ngoba ukudlala neChiefs yinto engekho lula,” uvale ngaloo mazwi uSambu.

Ihleli kwindawo yeshumi elinanye iChippa, kunyanzelekile iyiphumelele imidlalo eshiyekileyo ukuze ikwazi ukungena kwiTop 8.

Yona iBaroka ikwindawo yesibhozo kwaye iza kulwela ukubethelela indawo yayo phakathi kwamaqela aphambili kwiDiski Challenge.