IChippa iza kuvavanywa eMakhulong Stadium

UMark Mayambela noKurt Lentjies baza kwenza indima ebalulekileyo xa iChippa United idibana neHighlands Park

Umqeqeqshi weChippa United, uEric Tinkler, uzingomba isifuba ngomsebenzi awenzileyo ukusukela mhla wathatha iintambo kuDan Malesela.

Eli qela elizinze eBhayi liqokelele amanqaku amane kwimidlalo emithathu phantsi kwesandla sakhe uTinkler.

IChippa ibethwe yiSuperSport United, yabetha iBaroka FC ngo’1-0 phambi kokudlala ntanganye neGolden Arrows phambi kwekhefu ngenxa yomdlalo weMTN 8 Cup.

UTinkler namakhwenkwe wakhe baza kujongisa imibombo kwiphondo laseGauteng kule mpelaveki – apho baza kuvan’amandla neHighlands Park kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngo’15:30 eMakhulong Stadium ngoMgqibelo.

Kulo mdlalo wempelaveki, iChippa iza kuzama ukulwela amanqaku apheleleyo ukuze ifumane indawo ebhetele kwiPSL futhi ikwazi nokuphefumla emva kokungaqhubi kakuhle ekuqaleni kwesizini.

Nangona iChippa ingabuyanga namanqaku apheleleyo kumdlalo obuKwaZulu-Natal – kodwa umqeqeshi uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe futhi wavakalisa ithemba kwimidlalo elandelayo.

“Iyandivuyisa indlela esidlala ngayo. Eyona endichulumancisayo kakhulu kukuba akusangeni magowuli kuthi njengoba bekusenzeka ekuqaleni. Andikabaqheli abadlali abaninzi – kodwa siyasebenza kakhulu ngokubambisana. Ndizingomba isifuba ngendlela esidlala ngayo emva. Into ebalulekileyo ngoku kukubambelela kwizinto esikholelwa kuzo,” utshilo uTinkler ephawula ngenqubela eyenziwe liqela lakhe phambi kwekhefu.

Ngeke kube lula kwiChippa xa idlalela eMakhulong Stadium ngoba abadlali beHighlands bakhuthazekile emva kokudlala ntanganye neKaizer Chiefs kumdlalo obungoLwesibini kule veki.

Umqeqeshi weHighlands, * -Owen Da Gama, ubancomile abadlali bakhe emva kokuswantsulisa kakubi Amakhosi kwaye uthe, beliqela, baza kuthi gqolo beyiqinisa indlela abadlala ngayo ngokuhamba kwexesha.

UTendai Ndoro, otyikitywe kwiveki ephelileyo, kulindeleke adlaliswe okokuqala kule sizini.