‘IChippa mayifunde ukugcina umqeqeshi’

BUkeka tunyane

Nangona iChippa United iseneminyaka engephi ilapha eMpuma Koloni – kodwa ithe gqolo itsala abalandeli. Kule veki, I’solezwe lesiXhosa, lincokole nomlandeli osemtsha okwanqwenela yenze ngcono kule sizini.

Pedro Mapelo: Molo sisi, unjani?

Umlandeli: Molo Bhuti. Ndiphilile mna, wena unjani?

PM: Kuhle nakum, enkosi. Ngokufutshane, khawuzazise kubafundi bephepha.

Umlandeli: Igama lam ndinguBukeka Tunyane. Ndihlala eKapa ndikwangumlandeli osemtsha weChippa United.

PM: Uwubone njani umdlalo obuphakathi kweChippa United neSuperSport United kule veki?

Bukeka Tunyane: Ndiye ndawonwabela kakhulu umdlalo. Kukho nezinto endiye ndazithanda kuwo kakhulu. Ndiqaphele okokuba umdlalo weChippa unako ukuphucuka phaya naphaya. Abadlali basemva badlale ngokuzimisela okukhulu kwaye bebemanyene. Nasesiswini badlale kakuhle. Inqaku elinye abalifumene kumdlalo okude nekhaya ndiyalamkela ngoba akululanga.

PM: Njengokuba iChippa United ilapha eMpuma Koloni, ucinga ukuba ingadlala eyiphi indima?

BT: Ndithanda leyo iyeyaseMpuma Koloni. Kwicala lokuphuhlisa abadlali abasafufuzayo ndicinga ukuba inganceda apho. Enye into endiyicingayo kukuba izakuphucula nebhola yaseMpuma Koloni ngokubanzi.

PM: Unqwenela ukubona ntoni kwiChippa United kule sizini?

BT: Kungakuhle ukuba iChippa ingamgcina umqeqeshi kude kuphele isizini ngoba le nto yokutshintsha tshintsha iyabaphazamisa kakhulu abadlali, mayifunde ukugcina umqeqeshi. Enye into endiyinqwenelayo kukubona iphumelela imidlalo ukuze isinde ezembeni.