Emva kokubethwa ngo’2-1 emdlalweni wangempelaveki, iCape Town City iye emdlalweni wanamhlanje inethemba lokuziphindisa ukuze ikwazi ukugoduka namanqaku amathathu. Akubanga njalo emva kokuba iChippa United neCape Town City zijijisene ngeqanda emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eSisa Dukashe Stadium ngenjikalanga yanamhlanje.
Omabini amaqela aye emdlalweni edinga impumelelo emva kwemidlalo eliqela engasaphumeleli. Isiqingatha sokuqala besinika umdla ngoba omabini amaqela ebeleqana. Nangona umdlalo ububambene – kodwa liqela laseKapa elikwazileyo ukufumana amathuba acacileyo. Akukho nto liyenzileyo kekambe ngalo mingqandandana yamathuba evelileyo. Ibhola ecacileyo efike kunozinti weCity, uPeter Leeuwenburgh, ibinye qha – yebikhatywe nguNyiko Mobbie. Yena uJustine Shonga woyiswe kukugqibezela ibhola ebigotywe kakuhle nguMpho Makola.
Kubekho ukuphucuka komdlalo kwisigaba sesibini ngoba amaqela ebengxamele ukufaka amagowuli kuqala. Umdlali obenethuba elide engadlali, u-Aubrey Mngoma, ukhe wazama ukufaka iibhola ezintle – kodwa ngelishwa lakhe, khange zibe namgqibezeli. Elinye lamathuba afunyenwe yiCape Town City leliyekwe nguCraig Martin – ophulukene nebhola sele esendaweni entle. Ekuzeni kokuphela komdlalo, iChippa United bekufanele ikwazile ukufumana nokuba linye igowuli ngoba ibiyiyo ebisukela kakhulu.
URamasimong Maloisna ukhabe ibhola ngamandla eye yaphuma ecaleni kweepali kancinci sekuphela ixesha lomdlalo. Mihlanu imidlalo iCape Town City ingasaphumeleli nakubeni isahleli kwindawo yesixhenxe kwiDStv Premiership. Yona iChippa United isengxakini ngoba ukungaphumeleli kwayo kuthetha ukuthi ingafunyanwa ngamaqela asemsileni asemva kwayo. Linemidlalo emine iqela likaDan Malesela lingasaphumeleli emidlalweni yeDStv Premiership.
Chippa United: Mtshali, Nsabiyumva, Mobbie, Mthethwa, Sangweni, Booi, Mokhele, Kwem, Lentjies, Hanamub, Mbenyane.
Amalalela: Mazibuko, Laffor, Jodwana, Eva Nga, Mogakwe, Cezu, Lebitso, Maloisane, Damons.
Cape Town City: Leeuwenburgh, Mkhize, Fielies, Potouridis, Mashego, Mokeke, Makola, Nodada, Ngoma, Lakay, Shonga.
Amalalela: Anderson, Martin, Roberts, Morris, Ralani, Zulu, Mdantsane, Ajagun.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine