IChippa neHighlands zilwela ukuphepha izembe

Izinto aziyihambeli kakuhle konke-konke iChippa United kwimidlalo ye-Absa Premiership. Kungoku nje ihleli endaweni embi kakhulu kwiPSL emva kokungaphumeleli namnye umdlalo kwengaphaya kweshumi elinanye.

NgoLwesihlanu kuyanyanzeleka iChippa idlale ngokukhulu ukuzimisela xa idibana neHighlands Park esemsileni eMakhulong Stadium ngo’20:00.

Eli qela laseMpuma Koloni liphantsi koxinizelelo emva kokubethwa yi-Ajax Cape Town ngo’1-0 ekhaya, nayi-Orlando Pirates ngo’2-1 kwiveki ephelileyo.

Enye yeengxaki zeChilli Boys kukonzakala kwabadlali abaninzi, ngoku iindaba ezimnandi zithi abadlali abafana noMenzi Masuku, uSiyabonga Ngubane noRhulani Manzini bazakube bekhona kulo mdlalo wangoLwesihlanu.

Ubukho babo buzakumnceda umqeqeshi obambeleyo, uMbuyiselo Sambu, onomsebenzi onzima wokusindisa iChippa ezembeni.

Umahluko phakathi kwala maqela mabini ngamanqaku amabini qha – kodwa yona iHighlands ingumgqutsu. Kunyanzelekile iChippa iphumelele lo mdlalo ukuze iliphephe izembe.

Nayo iHighlands ilangazelela amanqaku anokuyikhupha engxakini, yiyo lo nto lo mdlalo kulindeleke ukuba ubenzima macala omabini.