iChippa neSwallows zilwela ukuphepha izembe eDobsonville Stadium

ULehlogonolo Matlou weMaroko Swallows noRiaan Hanamub weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseSisa Dukashe Stadium kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uKurt Lentjies, unomsebenzi omkhulu wokukhuthaza abadlali beqela lakhe xa lidibana neSwallows emdlalweni onzima ngempelaveki. IChippa indwendwela iSwallows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useDobsonville Stadium kwiphondo laseGauteng. Ubaluleke kuwo omabini amaqela umdlalo wangoMgqibelo ngenxa yeendawo ezimbi akuzo ngoku kwiDStv Premiership. Iqela laseMpuma Koloni lihleli kwindawo yeshumi elinesithathu ngentsula enye ngoba lisajingelwa lizembe phezu kwalo. Ngamashumi amabini anesibhozo qha amanqaku aqokelelwe yiChippa United emidlalweni engamashumi amabini anesibhozo kule sizini esongwayo. Kanti yona iSwallows ikwindawo yeshumi elinesihlanu.

Inamashumi amabini anesine amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesibhozo. Emva kwayo yiBaroka FC ejija itshoba emva kokufumana amashumi amabini anesine amanqaku kule sizini. Umdlalo ophakathi kweChippa neSwallows uza kuba nzima kakhulu ngoba zilwela ukungathotyiselwa kwiGladAfrica Championship engenawo amaqithiqithi akwiDStv Premiership ezifumana kuyo izigidi ezibini zerandi ngenyanga. Iphise ngomdlalo iChippa United sele ihamba phambili kwiBaroka kwiveki ephelileyo eGqeberha. Nangani kunjalo, into exolise uLentjies yindlela abadlali bakhe abalwe ngayo ukuze bafumane inqaku elinye emdlalweni ophele ngamagowuli amabini macala (2-2).

Ngoku unethemba lokuba amandla weveki ephelileyo aya kusetyenziswa ngokufanayo kule veki. IChipppa idinga impumelelo enye okanye inqaku elinye okungenani ukuze iqiniseke ngokuhlala kwiDStv Premiership. “Balwile abadlali bethu, andifuni ukungabancomi. Siza kudibana neSwallows esifuna ukuyilungiselela kakuhle. Sifuna ukujongana nomdlalo ngamnye emva koko sibone ukuba kwenzekani,” utshilo uLentjies ethetha neentatheli. Isenalo ithemba iSwallows emva kokubambana neSuperSport United ngo’2-2 emdlalweni ogqithileyo. Kuvakala ukuba abaphathi bebebize intlanganiso ekucingeleka ukuba babethelele ukubaluleka kokuhlangulwa kweqela engxakini elijamelene nayo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Cape Town City vs AmaZulu @Cape Town Stadium, 15:00; Sekhukhune United vs Kaizer Chiefs @Ellis Park Stadium, 15:00; Baroka vs SuperSport United @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Golden Arrows vs Royal AM @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs Stellenbosch @Absa Tuks Stadium, 15:00; Swallows vs Chippa United @Dobsonville Stadium, 15:00; TS Galaxy vs Marumo Gallants @Mbombela Stadium, 15:00