Kugquba umoya omhle enkampini yeChippa United emva kokuphumelela okokuqala kulo nyaka. Oku kuphenjelelwe ziziphumo ezihle ezizuzwe ngamakhwenkwe kaMorgan Mammila abethe iMaritzburg United ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obunzima eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, kwimpelaveki egqithileyo. Amanqaku amathathu ewafumeneyo iChippa United ayibeke kwindawo yesixhenxe – phakathi kwiTop 8, ebikuyo kakade phambi kokungaphumeleli kwayo emidlalweni esixhenxe phambi kokubetha iTeam of Choice kwiveki ephelileyo. Amandla ewafumeneyo kulindeleke ayincede iChippa United njengokuba iza kudibana neStellenbosch FC emdlalweni oza kuba nzima eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo.
Njengokuba isizini seyingene kwisigaba sayo sesibini, uMammila uza kulwela ukuba iChippa United ihlale kwiTop 8 endaweni yokulwela ukuphepha izembe – into ethande ukuyiqhela. Ngeke ibe ngumsebenzi okhaphukhaphu ukubetha iStellenbosch ngoba nayo ikhuthazekile emva kokubetha iCape Town City ngamagowuli amathathu kwamabini edabini emdlalweni olidabi lobukhaya kwiveki ephelileyo. USteve Barker uza kuya eGqeberha encwase amanye amanqaku apheleleyo ukuze iqela lakhe linyukele phezulu emva kokukhubeka emidlalweni eliqela phambi kokuphumelela kwiveki ephelileyo. Kunyanzelekile iChippa iphumelele xa idlalela ebaleni layo naphambi kwabalandeli bayo.
Nangona iqela laseMpuma Koloni lidlala kakuhle – kodwa uMammila uza kubeka ithemba lakhe kwifolosi yakhe, uEtiosa Ighodaro, esele ifake amagowuli asixhenxe emidlalweni elishumi elinesine kwisizini yokuqala eMzantsi Afrika. Omabini amaqela aya emdlalweni efuna impumelelo. Yeyona nto eza kubangela umdlalo ube nomtsalane kakhulu kubalandeli bala maqela omabini. Impumelelo ingayinceda iStellenbosch inyukele kwindawo entle kwiDStv Premiership. Onke amaqela adlalela ukusinda ezembeni okanye indawo kwiTop 8 ngoba iMamelodi Sundowns sele izicuthele umthwalo ngokuqokelela amanqaku angaphaya kwamashumi amahlanu xeshikweni amanye esaleqa amashumi amathathu.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!