iChippa United ezikayo iya kwiGolden Arrows elambileyo

UThemba Mantshiyane weGolden Arrows noThabiso Lebitso weChippa United emdlalweni weDStv Premiership ubuseNelson Mandela Bay Stadium kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Nangona isiqalo sikaKurt Lentjies siye sathembisa – kodwa kukhangeleka ngathi izinto ziya zibambi endaweni yokuphucuka. Oku kuye kwacaca gca okwekati omhlophe ehlungwini ngethuba iChippa isoyiswa kukuphumelela imidlalo emibini eSisa Dukashe Stadium sele isesandleni. Kwiveki ephelileyo, iChippa ibethwe yiMarumo Gallants ngo’3-2 eqeqeshwa nguDan Malesela nangona ibihamba phambili emdlalweni. Komnye umdlalo, iChippa ibambene ngo’2-2 neRoyal AM emdlalweni ebikhokela kuwo ngamagowuli amabini. Amanqaku amathandathu ngenike iChippa United ithuba elihle lokuchasela ezembeni. Ukusinda kwayo ezembeni yinto eqhelekileyo ngoba sekudlule iisizini ezine zonke isinda.

Nangona uLentjies waqhuba kakuhle emdlalweni yokuqala emva kokugxothwa kukaGavin Hunt – kodwa kukhona ukusindwa ngumthwalo okubonakalayo. Njengomqeqeshi osemtsha, kunokwenzeka ubethwa ngamava angenawo okufunqula iqela elitsla nzima. IChippa indwendwela iGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership oza kube usePrincess Magogo Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Kungoku nje iqela laseMpuma Koloni likwindawo yeshumi elinesihlanu, lisekele iBaroka FC esetshobeni. Liqokelele ishumi elinesixhenxe emidlalweni engamashumi amabini.

Emva kokubethwa kweChippa, uLentjies uvakalise ukukhathazeka kwakhe watsho esithi iqela lakhe belikufanele ukuphumelela. Iimpazamo zeChippa emva yeyona nto iyingxaki. Abafana Bes’thende baza kuyithawuzisa emalahleni ngoba basebenzela ukungena kwiTop 8 emva kokubetha iMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni wedabi lobukhaya kwiveki ephelileyo. ULehlohonolo Seema ufuna ukungena kwiTop 8 emva kokungena endaweni kaMandla Ncikazi oyibeke endaweni ephezulu phambi kokuya kwiPirates. “Siyakwazi ukufaka amagowuli. Yinto encomekayo leyo – kodwa iimpazamo zethu emva ziyasinyanzela ukuba siyokulungisa indlela esiqhuba ngayo phambi komdlalo olandelayo,” utshilo uLentjies emva komdlalo eMdantsane.