iChippa United ibambise uSambu, kwakhona!

Mbuyiselo Sambu, coach of Chippa United during the 2016/17 Absa Premiership football match between Orlando Pirates and Chippa United at Orlando Stadium, Johannesburg on 29 April 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Idemesha
eyenzeke kwezoshishino nasentlalweni yoluntu ayithetheki. Kube njalo
nasebholeni ekhatywayo. Abaphathi bamaqela kuza kunyanzeleka bangene nzulu
ezipokothweni xa bebhatala imivuzo yabadlali kule nyanga ngoba iPSL ngeke
iyikhuphe imali yesibonelelo yesiqhelo emva kokuqengqeleka kweenyanga ezintathu
ingadlalwa iibhola ngenxa yekhorona. Kodwa eyona nto ebembi kakhulu kukuba
amaqela kuye kwanyanzeleka abakhulule abadlali abaphelelwe zizivumelwano
ekupheleni kwenyanga yeSilimela bengayigqibanga isizini. Nayo iChippa iphakathi
kwamaqela athe achatshazelelwa kakubi kukumiswa kwesizini ngoba iye
yanyanzeleka okokuba imkhulule uRhulani Mokwena – owafika Ekwindla ngemboleko,
engena endaweni kaNorman Mapeza. “Siye sanyanzeleka simkhulule umqeqeshi ngoba
besingaqinisekanga ngesibhengezo ebesiza kwenziwa ngumphathiswa ngemidlalo,”
litshilo kumajelo eendaba igosa eliphezulu lizama ukucacisa ukuhamba
kukaMokwena. Akukacaci kakuhle eyona nto ebangele iChippa imyeke uMokwena
ingaphelanga isizini ngoba akanayo indawo nakwi-Orlando Pirates eyayibolekise
ngaye ekuqaleni kwalo nyaka.  

Njengesiqhelo,
iChippa United iphinde yanika uMbuyiselo Sambu iintambo njengebambela kude
kubekho umqeqeshi omtsha. Kokwesithathu kule sizini ebambela uSambu. Emva
kokuhamba kukaClinton Larsen nasemva kokuhamba kukaMapeza – kwaye kwakhwetywa
yena. USambu, obelisekela-maqeqeshi ixesha elide, waye wathotyiselwa
wayokuqeqesha iChippa United edlala kwiMultiChoice Diski Challenge. Ethetha
neli phephandaba ekuqaleni kwalo nyaka, uSambu wathi akumkhathazi ukunyuka
esehla ngoba ziseninzi izinto azifundayo. Ujongene nomsebenzi onzima kakhulu
ngoba iChippa United kufuneka ilwele ukusinda ezembeni emidlalweni emithandathu
eshiyekileyo. Kungoku nje iChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesibini.
Iqokelele amashumi amabini anesithandathu amanqaku emidlalweni engamashumi
amabini anane. Kulindeleke iPSL ikhethe amaphondo amaqela aza kwenza iinkampu
kuzo agqibezele nemidlalo yawo kuwo. Amaphondo ekucingeleka okokuba angakhethwa
lelaKwaZulu-Natal, iGauteng, iMpumalanga okanye eMntla Ntshona. Kodwa konke oko
kwakuthi kwenzeka phantsi kwemiqathango epasiswe ngabezempilo norhulumente.