IChippa United ibuyela eBuffalo City Stadium

Ekuqaleni kwale veki, iChippa United ibhengeze iinguqu ezintsha malunga neendawo ezakudlalela kuyo eMonti. Ngoku iza kudlalela eBuffalo City Stadium endaweni yeSisa Dukashe Stadium ebikade iyisebenzisa kuba ingekho kumgangatho ofunwa yiPSL.

Kwisizini edlulileyo iChippa iyisebenzise kakhulu iSisa Dukashe Stadium – kodwa yaba ngundaba-mlonyeni ngenxa yomgangatho wayo ophantsi. UPitso Mosimane ngoyena mqeqeshi owayikhalazelayo kakhulu iSisa Dukashe Stadium.

“Siliqela sigqibe kwelokuba siyisuse imidlalo yethu eMdantsane siyise eBuffalo City Stadium ngoba ayikwazi ukufikelela kwiimfuno zePSL. Umdlalo wethu neCape Town City ngomhla we-22 kweyeDwarha ngoku uza kudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium,” utshilo usihlalo weChippa, uSiviwe Mpengesi.

Baninzi kakhulu abantu abaza kuphoxeka zezi nguqu. Kule sizini edlulileyo, iChippa United itsale inkitha yabalandeli bebhola eMdantsane kwaye bebeyonwabela imidlalo yebhola ekhatywayo kakhulu. “Siyaxolisa kubo bonke abalandeli bethu.

Kwakufutshane nje, sizimisele ukubhengeza ukuba yeyiphi imidlalo eza kudlalelwa eBuffalo City Stadium,” uvale ngalo mazwi uMpengesi.