IChippa United ifuna ukuvala isizini ngesitayile eMonti

UThabo September ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Emva kokukhubeka emidlalweni egqithileyo, iChippa United ithembisa abalandeli bayo ngokubancumisa xa ivala isizini ngempelaveki. IChippa Unite iza kwamkela iSekhukhune United emdlalweni wokugqibela weDStv Premiership oza kube useBuffalo City Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Ngokufanayo nakwimpelaveki egqithileyo, yonke imidlalo yeDStv Premiership iza kuqala ngaxeshanye ngempelaveki. Ifuna ukuncumisa abalandeli bayo baseMonti emdlalweni wokuvala isizini iChippa emva kokuba ibuye igoqoza ngenqaku elinye emdlalweni ogqithileyo.

Ibambene ngenqaku elinye macala neRoyal Am esecicini lokuthotyiselwa. Kodwa phambi koko, ikhe yabethwa emidlalweni ilandelelana. Okwahlukileyo kule isizini kukuba akukho xhala lezembe kwiChippa United. Oko kwenzeke ngenxa yomsebenzi omhle ofike wenziwa ngamadoda amabini, uKwanele Kopo noThabo September, abaqale ukusebenza emva kwe’Africa Cup of Nations kulo nyaka. Bafike baqokelela amanqaku ayibhekelisileyo iChippa United engxakini kusengethuba.

Yinto uMnu. Siviwe Mpengesi ayincomileyo kakhulu le yenziwe ngabaqeqeshi bakhe kwinyanga egqithileyo eseMonti. Ethetha emva komdlalo ogqithileyo, uSeptember uvumile ukuba iqela lakhe aliqhubanga kakuhle eHarry Gwala Stadium watsho ethembisa ngelithi liza kulungisa izinto eMonti. “Asikwazanga ukudlala ngendlela esiqhele ukudlala ngayo.

“Nangona sifumene inqaku elinye – kodwa ngomnye wemidlalo esingathanda ukulibala ngawo msinya ngenxa yezinto esingakwazanga ukuzenza kakuhle. Sizimisele ukudlala kakuhle xa sidibana neSekhukhune emdlalweni wethu wokugqibela,” utshilo uSeptember emva kokuba iChippa United iyeke iRoyal Am yafaka igowuli lokulinganisa.

Okuza kunika umdla ngempelaveki ngumlo wamaqela amabini alwela ukuphepha izembe. Noxa iRoyal Am inomsantsa wamanqaku amathathu phakathi kwayo neRichards Bay – kodwa ayikaphumi ncam engxakini. Kufuneka ingabethwa emdlalweni wokuvala isizini ngoba ingathotyelwa ezantsi yiRichards Bay ukuba iphumelele.

Noxa izamile ukulwa iBay emidlalweni egqithileyo – kodwa ukubethwa kwayo ngo’3-1 yiCape Town City kwimpelaveki egqithileyo kuyibuyisele umva kakhulu. Seyithotyiselwe iCape Town Spurs, ngoku iqela elivale isizini kwindawo yeshumi elinesihlanu liza kudibana namabini adlala kwiMotsepe Championship emidlalweni yokuxabangela.