IChippa United ifuna ukuvuka ngeGolden Arrows eyingozi

Abadlali beChippa United emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium kutshanje. Umfanekiso: © Deryck Foster/BackpagePix

Amathuba wokusinda kweChippa United ezembeni kule sizini aya encipha ngokuya kucutheka imidlalo. Izinto ziye zambi ngakumbi ngoLwesibini wale veki xa isoyiswa yiBaroka FC ephumelele ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Ukuxinga kwayo iChippa kuziindaba ezimbi ngoba idlale imidlalo emininzi kuneBlack Leopards esemsileni – kodwa engekude kuyaphi kwicala lamanqaku.

Nangona kusenzima nje, umqeqeshi weChippa United, uSiyabulela Gwambi, unethemba lokuba iqela lakhe liyakwenza umsebenzi obhetele ngempelaveki. Lisophisa linjalo, iqela laseMpuma Koloni lamkela iGolden Arrows eqhuba kakuhle kakhulu emdlalweni weDStv Premiershi ongentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, eNelson Mandela Bay Stadium. Ukuba iChippa ibikwazile ukuphumelela, okungenani, imidlalo esekhaya, izinto ngezibhetele kakhulu.

Ngoku ithe finini kwindawo yeshumi elinesihlanu. Iphumelele kathathu qha emidlalweni engamashumi amabini anesithathu eyidlalileyo. Umahluko mkhulu kuBafana Bes’thende abakwindawo yesithathu emva kokuphumelela imidlalo elithoba kule sizini.

UGwambi uthe wonelisekile yindlela elidlale ngayo iqela lakhe xeshikweni lidibene neBaroka nangona likhe phantsi isitya sigcwele. “Siwudlale kakuhle umdlalo ngoba sithi abe belawula umdlalo,” utshilo umqeqeshi.

“Into esibethileyo lithuba elinye elifumeneyo iBaroka. Akukho nto bebeyidlala ngaphandle kokukhabela ibhola phambili qha. Lo ngeyena mdlalo esidinga ukufumana kuwo amanqaku apheleleyo. Lifikile ithuba lokuba iqela lizibonakalise xa lidlalela ekhayeni lalo. Besinethemba lokuqala ngeBaroka – kodwa ayenzeka lo nto. Siza kulwela amanqaku xa sidibana neGolden Arrows,” utshilo uGwambi, oza kuncediswa nguVladislav Heric oqeshwe endaweni kaLuc Eymael.

Abafaba Bes’thende bafuna impumelelo ukuze babethelele indawo yabo ephambili kwiDStv Premiership emva kokubetha iSuperSport United ngo’1-0 ngoLwesithathu.

Imidlalo yeDStv:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Baroka @Harry Gwala Stadium, 17:00

Mgqibelo: Stellenbosch vs Bloemfontein Celtic @Danie Craven Stadium, 15:00; Black Leopards vs SuperSport United @Thohoyandou Stadium, 15:00; Swallows vs Orlando Pirates @Dobsonville Stadium, 17:00; AmaZulu vs TS Galaxy @Kings Park Stadium, 17:00; Cape Town City vs Tshakhuma Tsha @Cape Town Stadium, 17:00

Cawe: Mamelodi Sundowns vs Kaizer Chiefs @Loftus Stadium, 15:00