IChippa United ikhethe ukunikezela

UJoseph Molangoane ngumdlali weKaizer Chiefs ngoku. Umfanekiso: BackpagePix

Iqela leMpuma Koloni elidlala kwiPremier Soccer League, iChippa United, lithi ligqibe kweloku liwuyeke umcimbi kaJoseph Molangoane obhengezwe yiKaizer Chiefs njengomdlali wayo kwiveki ephelileyo.

UMolangoane wamangalela iChippa United kwikomiti esombulula iimbambano

(DRC) emva kokuba yathi utyikitye isivumelwano seminyaka emibini ekupheleni kwesizini ka’2015/16.

Uye waphumelela ke ekugqibeleni ngoba [ngoku] ungumdlali weChiefs emva kokulinda iinyanga ezintandathu.

USihlalo weChippa United, uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi, uthi kufike ixesha lokuwuphosa kwelokulibala lo mba.

“UMolangoane watyikitya isivumelwano seminyaka emibini neChippa United ekupheleni kwesizini ephelileyo. Sothuka kakhulu xa esimangalela. Kodwa ke akakwazanga izihlandlo ezibini ukuguqula isigqibo sePSL ngalo

mba. Kuthe xa sisiya kumjikelo wesithathu – kulapho aphumelele khona. Ngoku sigqibe kwelokuba singathathi elinye inyathelo ngale nto kaMolangoane. Okubalulekileyo kukumkhulula aye kwindawo emkholisayo.

Ubudlelwane phakathi kweChippa United neKaizer Chiefs buhle – sikubona oku njengento enganakusinceda ngoku. Ndimnqwenelela okuhle uMolangoane kwiqela lakhe elitsha. Siyalibulela kakhulu igalelo alenzileyo,” utshilo uMpengesi.

Emva kokudlala kakuhle kwisizini edlulileyo, iChippa United, yathathelwa abadlali abaliqela ngamaqela amakhulu – kodwa ke yena uMolangoane kuyacaca ukuba bekungekho sibophelelo njengokuba ibanga iChippa United.

UMolangoane udlale umdlalo wakhe wokuqala njengomdlali weChiefs ngethuba ibethwa ziiChilli Boys ngo’3-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League kwiveki ephelileyo eNelson Mandela Bay Stadium.