Amathuba weChippa United okusinda ezembeni xa kuphela isizini ambalwa – kodwa nangani kunjalo, lisekhona elinye ithuba lokubuyela kwiDStv Premiership. Iqela likaMnu. Siviwe Mpengesi lizibhaqa lisengxakini emva kokungakwazi kwalo ukuqokelela amanqaku awoneleyo emidlalweni yesizini ephela ngoMgqibelo wale veki. Nangona iChippa United izenzele imbali kwiNedbank Cup ebethwe kuyo yiTshakhuma Tsha Madzivhandila – kodwa ayikwazanga ukuqhuba kakuhle emidlalweni ebalulekileyo yeDStv Premiership. Ayikho sengxakini ngenxa yokungabikho kwabadlali, mhlawumbi ingakukungena nokuphuma kwabaqeqeshi eqeleni okwenze abadlali bangakwazi ukwenza umsebenzi ngendlela eyiyo.
Yathembisa iChippa ekuqaleni kwesini isaphethwe nguLehlohonolo Seema. Wagxothwa emva kwemidlalo emihlanu, kwangena uDan Malesela owayesuka kwiTS Galaxy. Wazama naye, kodwa emva kokungabikho kweziphumo ezincumisayo, wakhonjwa emnyango. Wafika uVladislav Heric, naye wazama – kodwa wagxothwa kushiyeke imidlalo emibini. UPeter Maloisane uxelele iintatheli ukuba iChippa isazimisele ukulwa emidlalweni emibini kule veki. Akukho nto enokuyena engako, ngaphandle kokuba amaqela angentla kuyo angabethwa.
UMaloisane uvumile ukuba iChippa incwase ukulwela ukuhlala kwiDStv Premiership ngokulwa emidlalweni yokuxabangela (PSL Playoffs) eza kudlalwa emva kokusongwa kwesizini. Ambalwa amathuba weChippa okubetha iSuperSport United emdlalweni wokugqibela eGqeberha ngoba nayo ifuna ukuvala isizini kakuhle. Yonke imidlalo yokugqibela iza kuqala ngaxeshanye ngentsimbi yesithathu. Akukacaci kekambe ukuba imidlalo yokuxabangela iza kuqala nini ngoba amaqela eGladAfrica asenkundleni emva kokuba iPSL yalile ukunika indebe iRoyal AM kuba iSekhukhune United, ekwindawo yesibini ingazange inikwe amanqaku wayo amathathu.
Imidlalo yeDStv Premiership:
Mgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Cape Town City @Loftus Stadium; TS Galaxy vs Kaizer Chiefs @Mbombela Stadium; Golden Arrows vs Stellenbosch @Sugar Ray Xulu Stadium, Swallows vs Baroka @Dobsonville Stadium; Chippa United vs SuperSport United @Nelson Mandela Bay Stadium; Orlando Pirates vs Tshakhuma FC; Black Leopards vs Bloemfontein Celtic @Thohoyandou Stadium; Maritzburg United vs AmaZulu @Harry Gwala Stadium.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!