Umqeqeshi weChippa United, uMorgan Mammila, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni ogqithileyo ekhaya. Iqela laseMpuma Koloni libethwe phambi kwabalandeli balo siStellenbosch ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. Umdlalo ubuphethwe yiChippa – kodwa ngelishwa layo, ayikwazanga ukuzuza amagowuli kumathuba ewafumeneyo. Nangona kubekho okokugqwuduza, uMammila uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe watsho esithi unethemba lokuba baza kwenza umsebenzi ongcono emidlalweni elandelayo.
Ngorhatya loMvulo ozayo, iChippa iza kudibana etshatshalazeni nePolokwane City emdlalweni weNedbank Cup oza kube useLimpopo. Isoloko iqhuba kakuhle iChippa emidlalweni yeNedbank Cup – kodwa ingxaki, ikwenza oko ingaqhubi kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership. Lo nto yenza kubenzima ukuqhuba kakuhle kukho ixhala lezembe ecaleni. Nakulo unyaka akohlukanga nto. “Umdlalo ogqithileyo ngomye wemidlalo ekufuneka siyilibale msinya ukuze sikwazi ukujongana nomdlalo olandelayo. Siza kudlala umdlalo weNedbank Cup ngaph’ eLimpopo. Ngelishwa lethu, emva koko siza kuhlala sibukele amanye amaqela.
“Indlela esibethwe ngayo imbi kakhulu emdlalweni ogqithileyo. Kodwa ndiqinisekile ukuba amakhwenkwe wam aza kuqhuba kakuhle emidlalweni elandelayo,” utshilo uMammile emva komdlalo eGqeberha. Akufanelanga kube nzima kwiChippa ukubetha iqela elidlala kwiMotsepe Championship njengePolokwane City – kodwa kufuneka izigade ingadeleli ngoba iNedbank Cup isoloko isothusa abalandeli bebhola. Ukuphumelela kwayo iChippa kwakubuyisa ukuzithemba ebadlalini noxa iya kudlala omnye umdlalo ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ekuthambekeni kwale nyanga xa isamkela iSwallows emdlalweni oza kube useNelson Mandela Bay Stadium.
UKamala Harris uthi izakuphela imfazwe eGaza xa enguMongameli