Imidlalo yeDStv Premiership ibuyile kwakhona kule veki emva kokuthi nqumama ithutyana ngenxa yemidlalo yeCarling Knockout ebingempelaveki egqithileyo. Omnye wemidlalo eza kuthi itsale umdla wabalandeli bebhola ekhatywayo ngophakathi kweChippa United neGolden Arrows. La maqela mabini aza kudibana emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngo-17:45 ngoMgqibelo.
Kulindeleke ukuba amaqela omabini axhwithane ngoba aziwa ngokudlala ibhola entle – kodwa ehamba ngesantya esiphezulu. Emva kokungaqhubi kwawo kakuhle emidlalweni egqithileyo, kunyanzelekile aphumelele ukuze avale unyaka ekwiindawo ezihloniphekileyo. IChippa United ineenyanga zimbini ingayazi impumelelo. Nakwelayo icala iGolden Arrows ayiqhubi kakuhle mvanje nakubeni ikhe yahlala kwindawo yesibini ixesha elide.
Kunyanzelekile uMorgan Mammila azame ukuqokelela amanqaku kusakhanya ukuze iChippa United ingasondeli emseleni weDStv Premiership xa kuphela isizini. Emidlalweni emine egqithileyo, iChippa ifumene amanqaku amathathu kuphela. Lo nto kufuneka iyilungisa xa idibana neGolden Arrows ephose amanqaku amaninzi emidlalweni edlulileyo. UMammila usoloko eshumayela into ethi iChippa United liqela ekufanele kuvale isizini liphakathi kwamaqela asibhozo aphambili kwiDStv Premiership.
Kodwa eyona nto yokuqala kukuqinisekisa ukuba iqela lakhe aliphulukani namanqaku njengakunyaka ophelileyo esengumqeqeshi okwanyanzela uMnu. Siviwe Mpengesi amgxothe. Kanti eNtshona Koloni kudibana iStellenbosch FC neCape Town City emdlalweni oza kube ungorhatya ngoLwesihlanu, eDanie Craven Stadium. Yona iKaizer Chiefs iza kulwela amanqaku apheleleyo xa isamkelwa yiPolokwane City emdlalweni weDStv Premiership oza kube usePeter Mokaba Stadium emalanga.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi