Emva kokuphumla kwiveki ephelileyo, iChippa United ibuyela enkomeni ngempelaveki. Iqela likaMorgan Mammila liza kulwa kube mdaka iisali xa lidibana neSwallows esokolayo emdlalweni weDStv Premiership oza kube ubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngeCawe. Esichengeni kukho amanqaku amathathu adingwa ngamaqela omabini. La maqela mabini aya emdlalweni ejingxela emva kokubethwa emidlalweni yeDStv Premiership egqithileyo. ISwallows ibethwe yiCape Town City ngo’2-0 kwiveki ephelileyo.
Phambi koko, iiNyoni zibethwe yiRichards Bay FC ngegowulinye. Yona iChippa United ibethelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngamagowuli amabini yiStellenbosch FC. Ukufumana amanqaku apheleleyo kubaluleke kakhulu kwiChippa ngoba izama ukubaleka ezembeni njengokuba imidlalo yeDStv Premiership isiya ekupheleni.
Kodwa abadlali beChippa bakhuthazekile emva kokubetha iPolokwane City emdlalweni weNedbank Cup kwiveki ephelileyo noxa umqeqeshi wabo engazange akuthande ukubethwa yiStellenbosch umdlalo bewuphethe. Nangani kunjalo – waye wavakalisa ithemba lokubona impucuko kwelandelayo imidlalo.
“Xa ndithetha inyaniso, umdlalo siphise ngawo. Uwulawula njani umdlalo – kodwa uthi xa kuphela umdlalo wenze iimpazamo? Kufuneka sifunde kokwenzeke namhlanje ukuze senze ngcono emidlalweni elandelayo,” utshilo uMammila emva kokubethwa kweqela lakhe yiStellenbosch FC. Umqeqeshi weSwallows, uErnst Middendorp, uza kuya eGqeberha exhwaye impazamo ngoba iqela lakhe lisengozini. Impumelelo inganika iqela lakhe ithuba lokuphumla. Umdlalo uza kuba nzima ngoba omabini amaqela asondele emaqeleni asezantsi emsileni.
Imidlalo yeDStv Premiership:
Lwesihlanu: SuperSport United vs Maritzburg United, 19:30
Mgqibelo: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates, 15:30; Sekhukhune United vs Cape Town City, 17:30; Richards Bay vs Stellenbosch, 17:30; AmaZulu vs Royal Am, 20:00
Cawe: Chippa United vs Swallows, 15:30
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8