Ifumene amanqaku apheleleyo iChippa United emdlalweni obunzima. Oku kwenzeke emva kokuba iChippa ibethe iRichards Bay ngo’2-1 emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium namhlanje ebusuku. Umdlalo ubunzima ngenxa yebala ebelimanzi. UBienvenu Eva Nga unike iChippa impumelelo yokuqala kwiBetway Premiership kwisizini eqale kwiveki ephelileyo. Nakubeni ibethiwe, iRichards Bay igoduka ikrokra ngoba idlale umdlalo omhle kakhulu.
Okusebenzele iqela likaKwanele Kopo kukufaka igowuli kwisigaba sokuqala ebesitshisa bhe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa United ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni. Umdlalo umbuhle kodwa uhamba ngesantya esiphezulu ebaleni elimanzi. Emzuzwini weshumi elinesihlani, uAzola Ntsabo uphantse wayibeka endaweni entle iChippa – kodwa ngelishwa, ibhola yakhe ayingenanga emnatheni.
Ifolosi eyaziwa ngamandla, uEva Nga Bienvenu, ukhabe intambula yebhola enqandwe ngabadlali beRichards Bay endaweni embi. Ilwile nayo iRichards Bay ebizimisele emdlalweni. USirgio Kammies uvale ibhola embi ethe gqi ekunene. Emva kwethuba elide kudlalwa, uEva Nga ufake igowuli emzuzwini wamashumi amane. Urhawule ibhola seyiphuma wayifaka ngaphakathi yabetheka emdlalweni weRichards Bay.
Kwangoko zinyuse umxakatho iindwenwe zikhangela igowuli lokulinganisa. UStanley Nwabali uvale iibhola ezimbini sekuphela ixesha lesigaba sokuqala. Angene axhwithana nakwesesibini isiqingatha. UThabang Sibanyoni uphantse wenza ingozi ngebhola ehambe ngaphezulu kweepali.
UKwanele Kopo ukhuphe uAndile Jali wafaka uAyabulela Konqobe endaweni yakhe. Inguqu yenziwe emva kokuba uJali enze umsebenzi omhle kwisigaba sokuqala abeyinjoli kuso esiswini. Izamile iRichards Bay ukugalela kuNwabali oye wazama ukuxhathisa kunzima.
ULangelishe Mhlongo ngoyena mdlali oyisokolisileyo iChippa United ngoba ebesilawula isisu futhi ekhupha iibhola eziyingozi. Izihlwele zabalandeli zigoduke zonwabile emva kokuba iChippa iphumelele ngegowuli elinye eqandeni.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10