IChippa United iqokelele amanqaku amathathu eSisa Dukashe Stadium

Linda Mntambo of Chippa United F.C. celebrates scoring his second goal with Abel Mabaso of Chippa United F.C. during the Absa Premiership 2017/18 game between AmaZulu and Chippa United at King Zwelithini Stadium, Durban on 7 January 2018 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Luncumo lodwa
kwinkampu yeChippa United ngale njikalanga emva kokuba ibethe iFree State Stars
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League
obubanjelwe eSisa Dukahle Stadium. IiChilli boys zifumene impumelelo yazo
yokuqala ngoku ziphantsi koqeqesho lukaVladislav Heric othathe iintambo
kutshanje emva kokugxothwa kukaTeboho Moloi. Ukuphumelela kweChippa kuza kuthoba
izibili zabaphathi bayo emva kokuba iqela labo lingakwazanga ukufumana amanqaku
apheleleyo kwimidlalo engaphaya kwemithandathu. Umdlalo ubumhle kwaye amaqela
omabini awafumene amathuba okuphumelela umdlalo. Abalandeli bebhola baseMonti
bebephume ngobuninzi nangona bekukho ingqele ebiqhaqhazelisa amazinyo
eMdantsane.

Noxa isiqingatha
sokuqala siphele kungekho qela libhalisileyo ebhodini – kodwa umdlalo wona
ubushushu kakhulu. Umdlalo uqale ngesantya esiphantsi kakhulu. Njengamaqela
adlale ityeli lesibini kwisithuba nje seeveki ezimbini kuye kwabonakala ukuba
alumkelene. Kubekho intshukumo kumzuzu weshumi elinesibini ngethuba uThabo
Rakhale esukela amadoda ekunxele ngebhola ayikhabe yaphuma phezu kwepali. Noxa bekubonakala
ukuba iFree State Stars ize emdlalweni ingafuni ukulahlekelwa – kodwa umdlalo
wayo uye waphucuka ekuhambeni kwexesha. UThabang Klaas woyiswe yibhola entle ephakathi
ebhokisini, ibhola ibisuka kuSinethemba Jantjies kwiphiko lasekunene. Khange kube
kudala yazama kwakhona ukuhlasela iFree State, baphinde babhutyuza ibhola abadlali
bayo – laba liya lahleka nelo ithuba.

Umdlalo
weChippa United ukhule ngokuhamba kwexesha. Esizikithini sebala, u-Abel Mabaso
noMark Mayambela, obenguKapteni wosuku, bebezityala emaphikweni naphambili iibhola
– kodwa ngelishwa labo bezifika kwiifolosi zigadiwe kakhulu ngabadlali beFree State
emva. URakhale, uMxolisi Mmacuphu noLinda Mntambo babagcine bexakekile abadlali
beFree State emva phantse sonke isigaba
sokuqala somdlalo – kodwa ngelishwa layo iChippa ayikwazanga ukubhalisa
ebhodini. Unozinti
weFree State
,
u-Ali Sangare, wenze umsebenzi oncomekayo sekusondele ixesha lokuphumla
ngethuba ebamba ibhola ebimbi ebikhatywe nguMntambo. Naye uDaniel Akpeyi uye
wanyanzeleka avale amanzi engena endlini; uxhimfe ibhola ngamanqindi ekhatywe
kude kufuphi nomhlaba wakhe.

UMabaso
ubhakuzelise umnatha kumzuzu wesibini kwisigaba sesibini somdlalo emva kwebhola
ekwabelenwe ngayo nguMntambo noMako Paseka othe gqi engxamile ekunene. Iquqe
ibuyelela okwezulu laseMthatha emva kokuba kufakwe igowuli kuyo iFree State
Stars – kodwa ifike ethe qwa uDaniel Akpeyi. IFree State Stars ivinjwe ipenela
ngusompempe emva kokuba uPaseka Mako ewise umdlali wayo phakathi ebhokisini.
UMntambo noRakhale bazamile ukuhlasela, ithuba lokufaka igowuli lesibini emva
kokuba unozinti weFree
State
ekhawuleze
wayikhawulela ibhola. Into ephantse yonzakalisa iChippa United emva kukuwisa
abadlali beFree State kwiindawo ezimbi kakhulu. UPatrick
Phungwaye uqhekeze abadlali beeChilli Boys ngebhola entle – kodwa uDaniel
Akpeyi uzincede ngokuphuma kwamsinya ezipalini ayoyinqanda ingozi.

Umqeqeshi
weChippa United, uVladislav Heric wenze inguqu yokuqala; ukhuphela uThabo
Rakhale waze wafaka uBantu Mzwakali. Ithuba lokulinganisa elifumeneyo iFree State
kumzuzu wamashumi asixhenxe, ayikwazana ukulisebenzisa ngoba uMohammed Anas
uyikhabele phezu kweepali. Isiqingatha sesibini siye sathanda ukubanzima macala
omabini, ingakumbi kwiChippa ngoba ibihlaselwa yiFree State
ebifuna igowuli lokulinganisa. Emva koxinizelelo olufakwe yiFree State ebize kakubi – iChippa iphumelele umdlalo wokuqala eMonti kule sizini emva kokunqaba ixesha elide.