IChippa United iya emfazweni eMbombela Stadium!

URonald Pfumbidzai weChippa United noogxa bakhe bebhiyozela igowuli emdlalweni weDStv Premiership. Umfanekiso: ©Deryck Foster/BackpagePix

Nguwashiywa nowashiywa ngoku kwiDStv Premiership. Iqela ngalinye lisebenzela ukuvala isizini lisendaweni entle. Kodwa amanye alwela ukusinda ezembeni. Phakathi kwalo maqela asengxakini yiChippa United yaseMpuma Koloni. Emidlalweni emibini eshiyekileyo, kunyanzelekile iChippa ifumane amanqaku apheleleyo. ULehlohonolo Seema namakhwenkwe wakhe baya emfazweni ngempelaveki eMpumalanga – apho baza kudibana neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership oza kutaka iintlantsi ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Emva kokubetha iRichards Bay ngamagowuli amathathu kwamabini, iChippa United iya kwiTS Galaxy inethemba futhi inamandla okulwa ukuze igcine indawo yaya kwiDStv Premiership. Ethetha kutshanje, uSeema wayibethelela into ethi yena uza kulwela ukuhlala kweChippa United kwinqanaba eliphezulu emva kokukhwetywa kwakhe ngenxa yedemesha eyashiywa nguMorgan Mammila.

“Abadlali bethu bazimisele ukulwa futhi bafela ebaleni ukuze isinde iChippa. Lo nto ibonakele emdlalweni esiphuma kuwo,” utshilo uSeema emva kwempumelelo emdlalweni ogqithileyo. “Okundonwabisileyo yindlela abadlali abalwe ngayo kwiRichards Bay ebikhokela phambili. Ndagqibela kudala ukubona iChippa iphumelela umdlalo ebilandela ngasemva kuwo. Lo nto iyabonisa ukuba asikanikezeli – kodwa ngoku kufuneka silungiselele umsebenzi onzima,” utshilo umqeqeshi ovumileyo ukuba umdlalo olandelayo uza kuba nzima kakhulu eMbombela Stadium.

“Sisephaya ezantsi. Asiyifuni la ndawo esikuyo, siza kulwelwa ukuphumelela eMbombela noxa umdlalo ungeke ubelula. Kuhle nokubona abadlali abancinane beqhuba kakuhle xa benikwe ithuba lokudlala. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba iChippa ihlala kwiDStv Premiership,” uvale ngaloo mazwi uSeema. Ngoku iChippa isekele iMaritzburg United esemsileni. Imidlalo yonke iza kudlalwa ngaxeshanye ngomgqibelo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Royal Am vs Swallows @Chatsworth Stadium, 15:00; Cape Town City vs Richards Bay @Athlone Stadium; Orlando Pirates vs Sekhukhune United @Orlando Stadium; Maritzburg United vs Stellenbosch @Harry Gwala Stadium; TS Galaxy vs Chippa United @Mbombela Stadium; SuperSport United vs Kaizer Chiefs @Royal Bafokeng Stadium; Golden Arrows vs AmaZulu @Princess Magogo Stadium.