IChippa United iyibeke endaweni yayo iRichards Bay emdlalweni weNedbank Cup

Iphelile indlela yeRichards Bay FC kwiNedbank Cup emva kokuba ibekwe endaweni eyifaneleyo yiChippa United ephumelele ngo’2-1 emdlalweni odlalelwe kwingqantsini yelanga eSisa Dukashe Stadium emalanga namhlanje eMdantsane. Nangona iRichards Bay ikhutshiwe – kodwa ilwile, ibethwe nje kukuswela kwabadlali amava emidlalweni esemgangathweni ophezulu ngoba amathuba ebekhona emdlalweni.

Eli qela laKwaZulu-Natal elidlala, kwiGladAfrica Championship, lifikelele kwisigaba samaqela asibhozo kwiNedbank Cup emva kokuguqisa phantsi amaqela amakhulu afana neKaizer Chiefs neTS Galaxy ekhe yaziintshatsheli zeNedbank Cup kwiminyaka embalwa egqithileyo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa United ihamba phambili ngegowuli elifakwe ngu-Anthony Laffor emva kwexesha elide ixhathisile iRichards Bay ebiqala ukuhamba umgama omde kangaka kwiNedbank Cup edla ngokudlalwa ngamaqela edlala kwi-ABC Motsepe League. Isiqingatha sesibini benika umdla ngokufanayo nesokuqala. Amaqela aleqene ekhangela amagowuli angaphumelela ngawo umdlalo. Ebekhona ke kambe amathuba – kodwa akasetyenziswanga. Lizibonakalisile ke kodwa iqela likaDan Malesela ukuba lona liyiqhelile imidlalo enzima.

UMokhele Maloisane ufake igowuli lesibini leChippa United emva kokudlalelwa ibhola elungisiweyo yifolosi yaseNigeria – uAugustine Kwem, phakathi ebhokisini. Khange batyhafe abafana baKwaZulu-Natal emdlalweni kwaye bebebonakala ukuba abazelanga ukubethwa eMonti.

Bayibonise ngokuyibeka phantsi ibhola nangokuhlasela besenzisa isantya xa befumene ithuba. Igowuli lokubika leRichards Bay lifakwe nguSiyabonga Celani Vilane ngentloko emva kwebhola ebikhatywe nguBayzel Goldstone engaphaya komhlaba kanozinti. Ngelishwa layo iRichards Bay, ixesha besele lixhatshwe yinja. USizwe Mdlinzo, obedlala esiswini, uchongwe njengoyena mdlali obalaseleyo emdlalweni wanamhlanje.

Chippa United: Mtshali, Nhalpo, Mobbie, Mthethwa, Sangweni, Laffor, Mokhele, Kwem, Mdlinzo, Hanamub, Maloisane.

Amalalela: Watenga, Cezu, Phewa, Jodwana, Manqola, Lentjies, Eva Nga, Damons.

Richards Bay: Mpakumpaku, Dube, Ndlovu, Zondi, Sekese, Manhire, Zwane, Goldstone, Hlongwa, Mthembu, Ogbonna.

Amalalela: Mabua, Vulu, Maphakisa, Maphathe, Radebe, Mbanjwa, Vilane.