IChippa United iza kuyiqengqela iRoyal AM ethi “Ayizi” emdlalweni wanamhlanje

Abadlali beRoyal AM FC belungisela umdlalo weGladAfrica Championship kwisizini egqithileyo. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Ngokwesicwangcwiso sePSL, namhlanje iRoyal AM kufanele idibane neChippa United emdlalweni wokuxabangela (PlayOffs) eChatsworth Stadium, KwaZulu-Natal. Kwiveki ephelileyo, iChippa United ibethe iRichards Bay ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wokuqala obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emva kokuba inkundla isikhabile isicelo seRoyal AM sokumiswa kwemidlalo.

Iqela laKwaZulu-Natal lithe liza kufaka esinye isicelo kwinkundla engasentla esiphikisa ukunyuselwa kweSekhukhune United kwiDStv Premiership – kodwa yona iPSL inoluvo oluthi akusekho nto eyithintelayo ngoku ukuba ingaqhubeli phambili nemidlalo yayo. “Hayi, ngeke sidlale ngenxa yomyalelo okhutshwe yinkundla,” utshilo uSinky Mnisi. “Yona iPSL ayikwazi ukusinyanzela ukuba masidlale ngenxa yesigqibo esenziwa nguJaji AJ Nyathi,” uMnisi, ucatshulwe esitsho liphephandaba lemihla ngemihla.

IChippa United, evale isizini ka-2020/21 ikwindawo yeshumi elinesihlanu, ifike kwangethuba KwaZulu-Natal ngokomyalelo wePSL othe namhlanje kufanele idlale neRoyal AM ngentsimbi yesithathu emalanga. Eyona nto ekuliwa ngayo yindawo yokuqala kwiGladAfrica Championship.

Isizini ivalwe iRoyal AM ikwindawo yokuqala kuba iPSL ingazanga inike iSekhukhune United amanqaku wayo eyawafumana kwiPolokwane eyophula umthetho. Lo manqaku yawafumana iSekhukhune emva kokufaka isikhalazi kwikomiti yeembambano. Ukuba ayiyanga emdlalweni iRoyal AM, iChippa United iza kunikwa amanqaku amathathu kwaye lo nto iya kuyinika ithuba elihle lokugcina indawo yayo kwiPSL.