IChippa United izakugagana nengxaki eHarry Gwala

Abadlali beChippa United, uKurt Lentjies noKristopher Bergman, kulindeleke badlale indima ephambili kule veki. umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Emva kokuvala * -2017 ngeyona ndlela incumisayo, iChippa United idlale ngamathuba okunyukela phezulu kwiPSL emva kokudlala ntanganye neBidvest Wits neGolden Arrows enkundleni yayo.

Kule veki kuyanyanzeleka ukuba iChippa iqokelele amanqaku ukuba ifuna ukubethelela indawo yayo kwiTop 8.

Lo nto izakubanzima kakhulu njengokuba iiChilli Boys zindwendwela iMaritzburg United kumdlalo ozakuba seHarry Gwala Stadium ngoLwesihlanu ngo’20:00.

Amakhwenkwe kaFadlu Davids akelemile kwezi ntsuku, kwiveki ephelileyo atywatyushe iFree State Stars ngo’3-0 othuleyo.

Umdlali wasemva kwiChippa United, uKristopher Bergman, uthi iqela lakhe lizimisele ukuvala isizini likwiTop 8 kwaye ukufika kwabadlali abatsha kulinika amandla iqela.

Le ndedeba ikuthethe oku emva kokuba iChippa ingakwazanga ukubetha iGolden Arrows kumdlalo obuseNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

“Injongo yethu kukufumana indawo ephezulu kule sizini. Sizimisele ngakumbi njengokuba sinabadlali abafikayo. Sifumene abadlali abanako ukuwenza umsebenzi kwaye nokhuphiswano kweli qela lulushica,” utshilo uBergman.

UTeboho Moloi uqinise iqela lakhe ngabadlali ekulindeleke ukuba bayithathe iChippa United bayibeke kwindawo ephezulu.

Iziqwayi zabadlali ezifike kwiChippa ziquka uThabo Rakhale, uLinda Mntambo, uMxolisi Macuphu, uBantu Mzwakali osuka kwi-Ajax Cape Town nenxele uFares Hachi osuka kwiMamelodi Sundowns.

“Wonke umdlali ufuna ukudlala ebaleni. Yiyo lo nto kubalulekile kumdlali ngamnye ukulibamba ngazo zozibini ithuba alifumanayo lokudlala,” utshilo uBergman.

Emva kokuba usihlalo, uSiviwe Mpengesi, umamkele uHachi – lo mdlali uvakalise ukuthakazelela kwakhe ukudlalela iChippa. “Kuyandivuyisa ukuba lapha. Ndiyalibulela ithuba endilinikwe yiChippa United. Ndizimisele ukulincedisa iqela kwiinzame zalo zokufumana indawo kwiTop 8,” utshilo uHachi.

Imidlalo yePSL

NgoLwesihlanu: Ajax Cape Town vs Free State Stars @Cape Town Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Platinum Stars vs Orlando Pirates @Royal Bafokeng Stadium, 15:30; Polokwane City vs AmaZulu @Old Polokwane City Stadium, 15:30; SuperSport United vs Bidvest Wits @Lucas Moripe Stadium, 18:00 NgeCawe: Golden Arrows vs Baroka FC @Princess Magogo Stadium, 15:30; Bloemfontein Celtic vs Cape Town City @Dr Molemela Stadium, 15:30