IChippa United izingela amanqaku apheleleyo eKapa

Umqeqeshi weChippa United uNorman Mapeza noRhulani Manzini emdlalweni weAbsa Premier Soccer League

Isekwindawo embi iChippa United kwiAbsa Premiership emva kokuqala isizini ngendlela engancumisiyo kodwa emva kwemidlalo yakutshanje, kukho ithemba elintaluzayo.

Kukhangeleka ngathi umqeqeshi wayo, uNorman Mapeza, ude wayifumana igiya eza kunceda iqela lakhe. Emidlalweni emithathu, iChippa United iqokelele amanqaku asixhenxe onke.

Yinto encomekayo leyo engakwazanga ukuyenza emidlalweni yokuqala kule sizini. Kwiiveki ezimbini ezigqithileyo, iChippa ibethe AmaZulu ngo’2-0, yalandelisa ngeBlack Leopards eyivuthulule ngo’3-0 phambi kokubambana neBaroka FC ngeqanda.

Iziphumo zamvanje ziza kuyinika amandla iChippa United ezama ukuvala unyaka isendaweni ebhetele kunale ikuyo ngoku.

UMapeza, 47, wonelisekile ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe emdlalweni ogqithileyo.

“Ndiyalamkela inqaku esilifumeneyo. Abadlali bethu basebenzile. Xa ujonga imeko yethu, ndilivuyela kakhulu inqaku esilizuzileyo,” utshilo uMapeza.

Ngoku abadlali beChippa United balola izikrweqe zabo njengokuba beza kuqubisana neCape Town City, etsala nzima kule sizini, emdlalweni ongentsimbi yesithandathu eCape Town Stadium ngoMgqibelo emalanga.

Umdlalo uza kuba nzima kakhulu ngoba amaqela omabini adinga amanqaku apheleleyo ukuze asuke kwiindawo akuzo ngoku.

ICity izenzele igama ngokuba lelinye lamaqela ayingozi kule minyaka emithathu edlulileyo kodwa ukusukela iqalile le sizini, izinto aziyihambeli kakuhle nasemva kokugxotha uBenni McCarthy.

“Kufuneka sisebenze ngokuzimisela xa sidlala neCity,” utshilo uMapeza ethetha neentatheli eBhayi.

Iindaba ezimbi enkampini yeCity kukuba kunokwenzeka uKermit Erasmus angadlali ngenxa yokonzakala.

Ukungabikho kwakhe uErasmus kwakuyichana iCity ngoba ngoyena mdlali exhathise ngaye kakhulu.

Umqeqeshi weCity, uJan Olde Riekerink, ukholelwa kwelokuba iqela lakhe linabadlali abanetalente kwaye lingakwazi ukuyiguqula imeko elikuyo ngoku.

“Sinabo abadlali abasemgangathweni futhi bazimisele emsebenzini wabo,” utshilo uRiekerink.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: SuperSport United vs Highlands Park @Lucas Moripe Stadium, 20:00

Mgqibelo: Black Leopards vs AmaZulu @Thohoyandou Stadium, 15:30; Baroka FC vs Orlando Pirates @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Bloemfontein Celtic @Moses Mabhida Stadium, 20:15

Cawe: Polokwane City vs Maritzburg United @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30