IChippa United neMamelodi Sundowns ziqengqe iqanda eGqeberha

USammy Seabi noMothobi Mvala emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns obuseNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uGavin Hunt, uvuye kakhulu emva kokuba iqela lakhe lifumene inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje. IChippa United ibambene neMamelodi Sundowns ngeqanda macala (0-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Ngoku omabini amaqela anamanqaku amane emva kokuphumelela imidlalo yokuvula isizini entsha kwiveki ephelileyo. Iqela likaHunt libethe abatshakazi, iSekhukhune United, ngo’1-0 kwiveki ephelileyo. Yona iSundowns izibethele AmaZulu ngo’1-0 emdlalweni obusePitoli.

Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje elumkele ukubethwa emva kokuqala isizini kakuhle. Isigaba sokuqala siphele kungekho nto ekunobhalelwa ngayo ekhaya ngoba akukho qela elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo. Ifolosi eyinkathazo, uPeter Shalulile, ebevalelwe ngabadlali beChippa United ngoba bebeyazi kakuhle idemesha anokuyenza. Kanti nayo iSundowns ikwazile ukunqanda abadlali abafana no-Eva Nga odlala phambili. Umdlalo uye waphucuka kwisigaba sesibini. Emva kokufundana kwisigaba sokuqala, iSundowns iye phambili isebenzisa abadlali bayo abanesantya emaphikweni.

Nangona iChippa United ibiphantsi koxinizelelo – kodwa indlela edlale ngayo emva iyancomeka kakhulu. Njengokuba ngempelaveki kudlalwa imidlalo yeMTN8, uHunt uza kufumana ithuba lokuhlanganisa abadlali bakahe abatsha nekudala bekhona. Yona iSundowns iza kudibana neGolden Arrows emdlalweni weMTN8 ojongwe ngamahlo abomvu ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu. Abadlali abaliqela ibibaphumzile iSundowns, mhlawumbi abaqeqeshi sebebeke iingqondo zabo emdlalweni weMTN8 Cup eyifuna kakhulu.