IChippa United yenze edume ngazo eSisa Dukashe Stadium!

Iqela
laseMpuma Koloni, iChippa United, lenze ezibukwayo kwakhona ngokuthi libethe
iMamelodi Sundowns ngo’1-0 kumdlalo weTelkom Knockout obubanjelwe eSisa Dukashe
Stadium, eMdantsane, ngale njikalanga. Igowuli lempumelelo lifakwe nguSamuel
Julies ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Ukungena kwakhe kwenze umahluko
omkhulu ngoba kuwutshintshile umdlalo futhi kwanika iChippa amandla okuya
phambili ngakumbi kwisigaba sesibini. Lo ngumdlalo wesibini ophunyelwelwe
yiChippa kweli bala. Kwiveki ephelileyo, iChippa United ibethe iCape Town
City
ngo’’2-1.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho qela lifuna ukoyiswa. Ayilibazisanga iMamelodi
Sundowns, iwubambe ngeempondo umdlalo yatsho isiya ngqo kwiChippa United
ebizama ukuzikhusela kwangoko kwisigaba sokuqala. Umdlalo unike umdlalo
kwantlandlolo. Amasandawana adlale ibhola yawo yesiqhelo esebenzisa uHlompho
Kekana, u-Oupa Manyisa esizikithini sebala ikwangabo abatyale iibhola kubadlali
abafana Khama Billiat, uPercy Tau obegadiwe kakhulu kwisigaba sokuqala.

Unozinti
weChippa United, uDaniel Akpeyi, wenze umsebenzi omhle ngokuvala ibhola
kaThokozani Sekotlong – oye wakhutshwa nguPitso Mosimane kwisigaba sokuqala
singaphelanga ngenxa yobunzima bomdlalo. Indawo yakho uSekotlong uthathwe
nguGeorge Lebese. 
UBilliat,
obethi engapha abe engapha uphantse wenza ingozi – kodwa ngelishwa lakhe ufike
u-Akpeyi ethe qwa. Emva koko nayo iChippa United izamile ukuhlasela utyhala
ngo-Abel Mabaso, uKurt Lentjies noMpho Mvelase.

La maqela
omabini athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala, ahlaselene esebenzisa
iibhola eziphuma emaphikweni. UMotjeka Madisha noKekana bafumene amathuba
wokubeka iBrazilians phambili – kodwa ngeliswa imizamo yabo ayibanganazo
iziphumo ezincumisayo. USamuel Julies ungcangcazelise umnatha kumzuzu wamashumi
amathandathu anesine emva kwebhola entle edlalwe nguMako Paseka noMpho Mvelase
– ogobe ibhola entle kwicala lasekunene. UTebogo Moloi ukhuphe uMvelase waze
endaweni yakhe wafaka uMenzi Masuku. Leyo ibiyindlela yokuqinisekisa ukuba
iqela lakhe libeka uxinizelelo kwiDowns emva. UPitso wothuse abantu abaninzi
ngokukhupha uLebese – indawo yakhe ithathwe nguLeonardo Castro. UPaseka
noMabaso badlale ngethuba elihle ebekufanele bawusonge ngalo umdlalo.

 

Amawaka-waka
abalandeli bebhola bahambe bexolile ngumgangatho obuphezulu womdlalo. Amaqela
omabini abanike omdlalo omhle abantu baseMpuma Koloni. UThemba Zwaze uphumile
kwimizuzu yokugqibela, indawo yakhe ithathwe nguWayne Arendse ngelo xesha
iChippa United ibihlasela ingayeki. Iphumelele iChippa ngegowuli elinye.
Ukubethwa kweDowns kuthetha ukuthi izinto azintlanga kuyo ngoba nakwimidlalo
yePSL ayiqhubi kakuhle kwaphela.