IChippa United yoxuthe amanqaku kwiPirates edlale ngamathuba emdlalweni

Ofake igowuli ekuphelela kwalo, uAbdi Banda, emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweChippa United ne-Orlando Pirates obuse-Orlando Stadium. Umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Ukuba akuwasebenzisi amathuba emdlalweni, wandisa amathuba okubethwa. Kwenzeke lo nto kwi-Orlando Pirates ebethwe yiChippa United ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obushushu kakhulu e-Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Igowuli ephumelele ngalo iChippa United lifakwe ngu-Abdi Banda ongqube ngentloko ibhola ebisuka ekoneni kushiyeke imizuzu emihlanu kuphele umdlalo. Ezimnyama ziwiswe phantsi ngumqheliswa, uDaine Klate, oqale ukuqeqesha kwiPSL emva kokunyuselwa phambi kokuqala kwesizini. Isiqingatha sokuqala somdlalo siphele kungekho nalinye iqela elikwazileyo ukubhakuzelisa umnatha. Akukho nto enokuyikhalela iChippa United ngoba yiPirates edale inkitha yamathuba engawasebenzisanga.

UKwame Peprah eyedwa ngefake nokuba mabini amagowuli kwisigaba sokuqala – kodwa akubanga njalo. Abanye abadlali abayeke iChippa nguThembinkosi Lorch noDeon Hotto. Inye ibhola ecacileyo ebanjwe nguRichard Ofori kwisigaba sokuqala, yibhola ebikhatywe nguDiego Apollis. Isiqingatha sesibini somdlalo khange sohluke kwesokuqala ngoba naso besilawulwa yiPirates. UJose Riveiro ukhuphe uPeprah akubona ukuba akusekho nto anokuyenza. Endaweni yakhe kungene uBienvenu Eva Nga obekade edlalela iChippa United. Naye ufike akakwazi ukuzisebenzisa iibhola azigotyelwe nguLorch noHotto. Omnye umdlali obekhe wafumana ithuba elihle kwisigaba sesibini ibe nguThabang Monare owoyiswe yibhola eyedwa.

Linye ithuba elicacileyo elifunyenwe yiChippa, yikona esityenziswe nguBanda ofake igowuli lakhe lokuqala eMzantsi Afrika. Unozinti weChippa, uLloyd Kazapua, wenze umsebenzi omhle kakhulu ngethuba evala ibhola embi ebikhatywe nguVincent Pule. Umdlalo ulawulwe yiPirates wade wayokuphela. Into engakwazanga ukuyenza kukufaka igowuli, eyona nto ebiyidinga kakhulu. Iphumelele okokuqala iChippa phanti kukaKlate obethe iPirates awayeyidlalela kudala. Ngoku iqela laseMpuma Koloni linamanqaku amane emva kwemidlalo emithathu. Nayo iPirates inamanqaku amane ewafumene emidlalweni emithathu. Emva komdlalo, uKlate uzamkele ngovuyo olukhulu iziphumo zeqela lakhe athe ufuna lokuhlukane lokulwela ukuphepha izembe xa kuphela isizini.

Orlando Pirates: Ofori, Ndah, Sibisi, Maela, Hotto, Monare, Mosele, Monyane, Lorch, Pule, Peprah.

Amalalela: Mpontshane, Nga, Mako, Xoki, Shandu, Tlolane, Dlamini, Motshwari, Timm.

Chippa United: Kazapua, Kammies, Pietersen️, Pfumbidzai, Luthuli, Chabalala, Poggenpoel, Appollis, Mathiane, Banda, Matrose.

Amalalela: Prince, Mqokoza, Mbenyane, Maarman, Kambindu, September, Mini, Mduli, Ntsabo.