Uphantsi koxinizelelo uMorgan Mammila emva kokuba iChippa United ingakwazanga ukuphumelela emidlalweni esixhenxe ilandelelana. Oku kwenzeke nakubeni uMammila wanceda iChippa yaphumelela imidlalo emine ilandelelana emva kokunikwa kwakhe isikhundla sokuqeqesha esasibanjwe nguDaine Klate ongazange aqhube kakuhle.
Into ebangela uMorgan abephantsi koxinizelelo kukuba ukhe waxelela ilizwe lonke ukuba yena ungumqeqeshi ongcono kunabanye ekudala beqeqesha nabafunde ngaphezulu kunaye. Ibuyele eGqeberha iphethe inqaku elinye iChippa United ngempelaveki egqithileyo emva kokudlala ntanganye ngegowuli elinye macala neRoyal Am.
Akukho kuphumla ngoba iChippa iza kujongana nelinye iqela eliyinkathazo kakhulu, iMaritzburg United, emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha ngecala emva kwentsimbi yesithathu ngeCawa.
Kunyanzelekile iChippa ilwele amanqaku amathathu emidlalweni elandelayo ukuze ikwazi ukungena kwiTop 8 okanye iphephe izembe esoloko ijingelwa lilo. Noxa iChippa United idlala kakuhle, kodwa ayikwazi ukufaka amagowuli ngokwaneleyo anokuyinceda iphumelele imidlalo. USiviwe Mpengesi sele ebuyisele uKurt Lentjies njengesekela. Kunokwenzeka yindlela yokuzama ukuphungula umthwalo kuMammila ngokumnika umntu obexhuzula imikhala kwisizini egqithileyo.
Nakubeni nayo iMaritzburg United ibikhe yapanwa ziingxaki, kodwa izinto ziyathembisa oko ithe yabuyisa uFadlu Davids owemka kuyo esiya kwiOrlando Pirates kwiminyaka edlulileyo. Ufike wenza umahluko uDavids efika kwiTeam of Choice. Emva kokuba iphumelele imidlalo emithathu, onke amaqela aza kudibana nayo azi kakuhle ukuba akululanga ukudlala nayo.
Ngoba idlalela ekhaya, iChippa United kufuneka ilwele ukuphumelela ngoba ayikho enye indawo enokuguqula izinto ngaphandle kwasebaleni layo. Ubukho bukaLentjies kunokuwenza umahluko ngoba unawo amava okumelana nobunzima emva kokusindisa iChippa United kwisizini egqithileyo. Kwacaca ukuba uthi ngeke asekele uKlate ekuqaleni kwesizini owanikwa isikhundla sokuqeqesha iChippa United emva kokuqhuba kakuhle kwiMultiChoice Diski Challenge.
Imidlalo yeDStv Premiership:
Lwesihlanu: Stellenbosch FC vs Cape Town City @Danie Craven Stadium, 19:30.
Mgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Sekhukhune United @Loftus Stadium, 15:30; Swallows vs SuperSport United @Dobsonville Stadium, 17:30; Marumo Gallants vs Orlando Pirates @Royal Bafokeng Stadium, 20:00.
Cawe: Richards Bay vs AmaZulu @King Zwelithini Stadium, 15:30; Chippa United vs Maritzburg United @15:30; Kaizer Chiefs vs Royal Am @Peter Mokaba Stadium, 17:30; TS Galaxy vs Golden Arrows @Mbombela Stadium, 17:30.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10